UDANIYELI 1:17-21
UDANIYELI 1:17-21 IBHAYIBHILE (XHO96)
Aba bafana bane ke uThixo wabathi jize ngolwazi nobuchule kwizinto ezinjengoluncwadi nobulumko. Ewe, uDaniyeli wamenza wayincutshe ekuqondeni zonke iindidi zemibono namaphupha. Ke kaloku yakuphela iminyaka emithathu leyo yayimiswe ngukumkani, intloko yamaphakathi akomkhulu yabathatha bonke abo bafana, yabasa kukumkani uNebhukadenezare. Ke ukumkani wathi akuthetha nabo wafumana ukuba akukho namnye okumgangatho omnye noDaniyeli noHananiya noMishayeli noAzariya. Ngoko ke bona bangeniswa emsebenzini wakomkhulu. Kwimicimbi ephathelele kwezobulumko nengqiqo aba bafana bane baqaqamba kukumkani, kuba babemanelisa kuwo nawuphi na umbuzo, bebadlula kalishumi bonke abenzi bemilingo noosiyazi ababekhona kwelo zwe. UDaniyeli lo ke wahlala apho komkhulu yada yangunyaka wokuqala kakumkani uSirasi.
UDANIYELI 1:17-21 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Abo bantwana bané uThixo wabanika ukwazi, nokuziqonda iincwadi zonke, nobulumko; uDaniyeli waba nokuyiqonda imibono yonke, namaphupha. Ekupheleni kweentsuku, abethe ukumkani maze baziswe ngazo, umthethelimathenwa wabangenisa ke phambi koNebhukadenetsare. Ukumkani wathetha nabo; kubo bonke bephela àkufumanekanga banjengoDaniyeli, noHananiya, noMishayeli, noAzariya. Bema ke bona phambi kokumkani. Ke kuzo zonke iindawo zobulumko bokuqonda, abezibuza kubo ukumkani, wabafumana bebadlula ngokukalishumi zonke izazi nabakhwitsi abasebukumkanini bonke. Ke kaloku uDaniyeli waba lapho, kwada kwangumnyaka wokuqala kaKoreshi ukumkani.
UDANIYELI 1:17-21 IBHAYIBHILE (XHO96)
Aba bafana bane ke uThixo wabathi jize ngolwazi nobuchule kwizinto ezinjengoluncwadi nobulumko. Ewe, uDaniyeli wamenza wayincutshe ekuqondeni zonke iindidi zemibono namaphupha. Ke kaloku yakuphela iminyaka emithathu leyo yayimiswe ngukumkani, intloko yamaphakathi akomkhulu yabathatha bonke abo bafana, yabasa kukumkani uNebhukadenezare. Ke ukumkani wathi akuthetha nabo wafumana ukuba akukho namnye okumgangatho omnye noDaniyeli noHananiya noMishayeli noAzariya. Ngoko ke bona bangeniswa emsebenzini wakomkhulu. Kwimicimbi ephathelele kwezobulumko nengqiqo aba bafana bane baqaqamba kukumkani, kuba babemanelisa kuwo nawuphi na umbuzo, bebadlula kalishumi bonke abenzi bemilingo noosiyazi ababekhona kwelo zwe. UDaniyeli lo ke wahlala apho komkhulu yada yangunyaka wokuqala kakumkani uSirasi.
UDANIYELI 1:17-21 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Aba bantwana bane ke uThixo ubanike ukwazi, nokwazi, nobulumko; kwaye uDaniyeli wayeyiqonda yonke imibono namaphupha. Ekupheleni kweentsuku awayethe maziziswe ngazo ukumkani, inkosana yabalungiseleli yabazisa phambi koNebhukadenetsare. Wathetha ukumkani kubo; kubo bonke kwafunyanwa abanjengoDaniyeli, noHananiya, noMishayeli, noAzariya; besakuma phambi kokumkani. Kuyo yonke imibandela yobulumko nengqiqo awababuza yona ukumkani, wafumanisa ukuba babebadlula ngokuphindwe kalishumi bonke abenzi bomlingo nabavumisi ngeenkwenkwezi ababesebukumkanini bakhe buphela. uDaniyeli wahlala kwada kwangumnyaka wokuqala kaKoreshi ukumkani.
UDANIYELI 1:17-21 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kekaloku lamadodana omane UTIXO wawanika ukwazi nokuqonda kulo lwonke ufundo nobulumko; no‐Danyeli wamqondisa yonke imiboniso namapupa. Kwati ke ekupeleni kwemihla owabetshilo ukumkani ukuba iwazise, yandula inkosi yabatenwa yawazisa pambi kwo‐Nebukanetsare. Waza ukumkani wateta nawo; kwaye kube kungafunyanwa pakati kwawo onke nanye ebinjengo‐Danyeli, no‐Hananiya, no‐Mishayeli, no‐Hazariya; ngako bema ebusweni bokumkani. Nendawo zonke zobulumko nengqondo, owababuza ngazo ukumkani, wabafumana belumkile ngamanani alishumi pezu kwazo zonke incibi nabanyangi abasebukumkanini bake bonke. Kekaloku u‐Danyeli wahlala kwada kwaba ngowokuqala umnyaka ka‐Koreshe ukumkani.