IZENZO 6:8-10
IZENZO 6:8-10 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku uStefano, ezele lukholo nangamandla, wayesenza izimanga nemiqondiso emikhulu phakathi kwabantu. Kwesuka ke abathile basesikhungwini ekuthiwa sesabaKhululwa, nabaseKirene, nabakwa-Alesandire, nabathile belaseKiliki, nabelaseAsiya, bephikisana noStefano; àbaba namandla akumelana nabo ubulumko noMoya, awayethetha ngaye.
IZENZO 6:8-10 IBHAYIBHILE (XHO96)
UStefano, indoda eyayisikelelwe nguThixo, izele ngamandla, wênza imiqondiso nemimangaliso phakathi kwabantu. Aza amadoda athile amchasa. Wona ayedla ngokuhlangana *endlwini yesikhungo ekuthiwa yeyamakhoboka akhululekileyo. AyengamaJuda avela eKirene naseAlesandriya. Wona namaJuda aseKiliki nawaseAsiya axambulisana noStefano. Kodwa uMoya wamnika ubulumko uStefano, ngokokude bangabi nako ukuphikisana naye.
IZENZO 6:8-10 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku uStefano, ezele lukholo namandla, wayesenza izimanga nemiqondiso emikhulu phakathi kwabantu. Kwesuka ke kwesuka kwesuka abathile bendlu yesikhungu ebizwa ngokuba yelabaKhululwa, neyabaseKirene, neyamaAleksandriya, neyabaseKilikiya naseAsiya, bephikisana noStefano. Baye ke bengabanga nako ukumelana nobulumko, nomoya awayethetha ngawo.
IZENZO 6:8-10 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kekaloku u‐Stefane, ezele lukolo nangamandla, ebesenza imimangaliso nemiqondiso emikulu pakati kwabantu. Kwaza kwesuka abatile babakuyo indlu yentlanganiso e‐kutiwa yeyaba‐Kulule?-?kiswa, neyaba‐Kirene, neyaba‐Aletsandriya, nababo bavela e‐Silisiya nase‐Asiya, bepikisana no‐Stefane. Baye bekohlwa ke ukumelana nobulumko nomoya abeteta ngawo.