IZENZO 5:38-39
IZENZO 5:38-39 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kungoku ke ndithi kuni, Khwelelani kwaba bantu nibayeke; ngokuba eli cebo, nalo msebenzi, ukuba lingaba lelabantu, lotshitsha: ukuba ke lelikaThixo, aninakulitshitshisa; hleze nifunyanwe ningábalwá kwanoThixo.
IZENZO 5:38-39 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngokunjalo nakwesi isihlandlo musani ukuthatha manyathelo ngakula madoda. Wayekeni, kuba ukuba lo msebenzi wawo yinto nje yabantu uza kuphelela esithubeni; ukanti ukuba yinto evela kuThixo, aninako ukuwutshabalalisa. Endaweni yaloo nto ningazibhaqa nisilwa noThixo.” IBhunga lalandela icebo likaGamaliyeli.
IZENZO 5:38-39 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kungoku ke ndithi kuni, Khwelelani kwaba bantu nibayeke; ngokuba eli cebo, nalo msebenzi, ukuba lingaba lelabantu, lotshitsha. Ukuba ke lelikaThixo, aninakulitshitshisa; hleze nifunyanwe ningabalwa kwanoThixo.
IZENZO 5:38-39 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Nokwakaloku nje nditi kuni: Gwegwedani kubo ababantu, nibayeke; ngokuba eliqinga umhlaumbi lomsebenzi ukuba uti ube ngowabantu, uya kutshatyalaliswa; kodwa ukuba ungo KATIXO, aningewutshabalalise, hleze nike nifunyanwe nisilwa kwa NOTIXO.