IZENZO 4:1-22

IZENZO 4:1-22 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Bakubon' ukuba bayathetha kubo abantu, ababingeleli, nomphathi wetempile, nabaSadusi, bathi gaga phezu kwabo, bebindekile ngenxa yokuba befundisa abantu, bekuxela ukuvuka kubo abafileyo ngoku kukaYesu ukuvuka. Babesa izandla, babafaka entolongweni, kwada kwaba lingomso; kuba bekuse kuhlwile. Ke kaloku into eninzi yâbo babelivile ilizwi, yakholwa; lathi inani lamadoda langa limawaka mahlanu. Kwathi ke ngengomso, kwahlanganiselana eYerusalem abaphathi babo, namadoda amakhulu, nababhali, noAnas umbingeleli omkhulu, noKayafa, noYohane, noAlesandire, nabo bonke abomlibo wombingeleli omkhulu. Bathe bakuba bebamise phakathi, bababuza besithi, Le nto nina niyenze ngamandla mani na, nangagama lini na? Wandula uPetros, ezele nguMoya oyiNgcwele, wathi kubo, Nina baphathi babantu, nani madoda makhulu akwaSirayeli, ukuba thina namhlanje sincinwa ngomsebenzi wokumsiza umntu ongumlwelwe, ukuba uthiweni na ukusindiswa: makwazeke kuni nonke, nakubo bonke abantu bakwaSirayeli, ukuba kusegameni likaYesu Kristu waseNazarete, enambethelelayo emnqamlezweni nina, athe uThixo wamvusa kwabafileyo; kungaye lowo, ukuba lo mntu eme apha phambi kwenu ephilile. Nguye lo ilitye elenziwa into engento nini bakhi, elisuke laba yintloko yembombo. Kananjalo usindiso alukho kuwumbi; kuba akukho gama limbi phantsi kwezulu, linikiweyo phakathi kwabantu, esimele ukusindiswa ngalo. Ke kaloku, bakùbona ukungafihlisikuthetha koPetros noYohane, beqiqa nokuba ngabantu abangenamfundo, abangenakwazi, bamangaliswa; babaqonda ukuba babenaye uYesu. Bakumbona ke umntu emi nabo, yena lowo uphilisiweyo, ababanga nandawo yakuphika. Bakuba bethe mabaphume entlanganisweni yamatyala, bacebisana bodwa, besithi, Siya kubathini na aba bantu? Kuba okunene, ukuba kuhlé ngabo umqondiso owazekayo, oyinto ebonakalayo kubo bonke abemi eYerusalem, nathi asinakuyikhanyela loo nto. Ukuze ke loo nto ingahlakazeki ngakumbi ebantwini, masise sibasongela ngelokuba bangabi sathetha mntwini ngeli gama. Bebabizile, babathethela ngelithi, mabangabi sakhankanya nakanye, bangafundisi nokufundisa ngegama likaYesu. Ke kaloku uPetros noYohane baphendula, bathi kubo, Yahlulani nina, ukuba bubulungisa na emehlweni kaThixo ukuva nina, kunokuva uThixo; kuba singenako thina ukuthi singazithethi izinto esazibonayo, esazivayo. Bathe ke bona, beqokele ngokubasongela, babandulula; bengafumani sizathu bangababetha ngaso, ngenxa yabantu; ngokuba bonke babemzukisa uThixo ngoko kwakuhlile. Kuba wayedlule emashumini amané eminyaka umntu lowo, wawuhle kuye lo mqondiso wokuphiliswa.

IZENZO 4:1-22 IBHAYIBHILE (XHO96)

Kwathi uPetros noYohane besathetha nabo abantu, kwafika ababingeleli nentloko yabalindi *bendlu kaThixo kunye *nabaSadusi. Babekhathazekile kuba aba *bathunywa babefundisa abantu ngokuvuka kukaYesu ekufeni, nto leyo yayiqinisekisa ukuba abafileyo baya kuvuka. Bababamba ke, babafaka entolongweni, ukuba balinde khona kude kube ngengomso, njengoko imini yayiselisangene. Uninzi lwâbo bayivayo imfundiso leyo lwakholwa, laza ke landa inani labo laya kumawaka amahlanu. Ngomhla olandelayo iinkokheli zamaJuda, nabadala, nabachazi-mthetho, bahlangana eJerusalem. YayingooAnas umbingeleli omkhulu, noKayafa, noYohane, noAlesandire, kwanabanye bendlu yombingeleli omkhulu, ababelapho. Babamisa phambi kwabo abathunywa, bababuza bathi: “Niyenze kanjani le nto? Gunya lini eli ninalo? Ligama likabani eli nisebenze ngalo?” UPetros, ezele nguMoya oyiNgcwele, wabaphendula wathi: “Ziphathamandla nani badala, xa namhlanje nisixoxisa ngesenzo esihle sokuphiliswa komntu osisiqhwala, nina ninamaSirayeli ewonke yazini le nto ke: Lo mntu umi apha phambi kwenu ephile qete, uphile ngenxa yegunya legama likaYesu Krestu waseNazarete. Lowo nina nambethelela emnqamlezweni; wamvusa ke yena uThixo. Lo Yesu ngulowo zithi *iziBhalo xa zithetha ngaye: “ ‘Ilitye enalidelayo nina bakhi laba lelona litye lesiseko.’ “Usindiso lufumaneka ngaye kuphela, kuba akukho wumbi emhlabeni ogama uThixo alinike uluntu, esingasindiswa ngalo.” Amalungu *eBhunga amangaliswa kukubona ukungafihlisi kukaPetros noYohane, eqonda ukuba bangabantu nje abaqhelekileyo abangenamfundo. Baphawula nokuba babengamahlakani kaYesu. Kodwa babengenandlela yokuphikisana nabo, kuba indoda le yayiphilisiwe yayimi apho kunye noPetros noYohane. Babakhuphela ngaphandle kwendlu leyo yeBhunga, basala bona bexoxa bodwa. Babuzana besithi: “Singawathini la madoda? Wonke ubani apha eJerusalem uyazi ukuba lo mqondiso ungaqhelekanga wenziwe ngawo, sibe ke thina singenako ukuyiphika le nto. Ukuze ke inganwenwi le nto phakathi kwabantu, masibalumkise bangaze bathethe nakubani ngegama likaYesu.” Babangenisa kwakhona, baza babayala ukuba ze bangaphindi bathethe okanye bafundise ngegama likaYesu. UPetros noYohane bona baphendula bathi: “Zahluleleni nina ngokwenu ukuba kulunge kuphi na phambi koThixo; kukho ukwenza intando yenu, kukho nokwenza intando kaThixo. Thina asinakuyeka ukuthetha ngento esiyibone sayiva ngokwethu.” IBhunga labatyityimbisela umnwe, laza labakhulula. Alibanga nakroba lakubohlwaya, ngenxa yokoyika abantu, kuba babedumisa uThixo ngesi senzo. Kaloku le ndoda yaphiliswa ngalo mmangaliso yayingaphezu kwamashumi amane eminyaka ubudala.

IZENZO 4:1-22 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Ke kaloku, bakubon’ ukuba bayathetha kubo abantu, bafika ababingeleli, nomphathi wetempile, nabaSadusi; bebindekile ngenxa yokuba befundisa abantu, bekuxela ukuvuka kubo abafileyo ngoku kukaYesu ukuvuka. Babasa izandla, babafaka entolongweni, kwada kwaba ngengomso; kuba bekuse kuhlwile. Ke into eninzi yabo babelivile ilizwi, yakholwa; lathi inani lamadoda lingathi kumawaka amahlanu. Ke kaloku kwathi ngengomso, abaphathi babo, namadoda amakhulu, nababhali, bathi, Kwahlanganisana eYerusalem uAnas umbingeleli omkhulu, noKayafa, noYohane, noAlesandire, kwanabanye bemizalwane yombingeleli omkhulu; Bakuba bebamise phakathi, bababuza besithi, Le nto nina niyenze ngamandla mani na, nangagama lini na? Wathi ke uPetros, ezele nguMoya oyiNgcwele, wathi kubo, Nina baphathi babantu, nani madoda makhulu akwaSirayeli, ukuba thina namhlanje siyacikideka ngomsebenzi omhle owenziweyo lowo ungenamandla, ukuba ungáphiliswa njani na; Makwazeke kuni nonke, nakubo bonke abantu bakwaSirayeli, ukuba kusegameni likaYesu Kristu waseNazarete, enambethelelayo emnqamlezweni nina, athe uThixo wamvusa kwabafileyo; kungaye lowo, ukuba lo mntu eme apha phambi kwenu ephilile. Lo ngulo ilitye elenziwa into engento nini bakhi, elisuke laba yintloko yembombo. Kananjalo usindiso alukho kuwumbi; kuba akukho gama limbi phantsi kwezulu, linikiweyo phakathi kwabantu, esimele ukusindiswa ngalo. Ke kaloku, bakubona ukungafihlisikuthetha koPetros noYohane, beqiqa nokuba ngabantu abangenamfundo, abangenakwazi, bamangaliswa; babaqonda ukuba babenaye uYesu. Bakumbona ke umntu emi nabo, yena lowo uphilisiweyo, ababanga nandawo yakuphika. Bakuba bethe mabaphume entlanganisweni yamatyala, bacebisana bodwa, besithi, Siya kubathini na aba bantu? Kuba okunene, ukuba kuhle ngabo umqondiso owazekayo, oyinto ebonakalayo kubo bonke abemi eYerusalem, kwaye asinakuyikhanyela loo nto. Ukuze ke loo nto ingahlakazeki ngakumbi ebantwini, masise sibasongela ngelokuba bangabi sathetha mntwini ngeli gama. Bebabizile, babathethela ngelithi, mabangabi sakhankanya nakanye, bangafundisi nokufundisa ngegama likaYesu. Ke kaloku uPetros noYohane baphendula, bathi kubo, Yahlulani nina, ukuba bubulungisa na emehlweni kaThixo ukuva nina, kunokuva uThixo; Kaloku thina asinakuyeka ukuthetha ngezinto esizibonileyo nesizivileyo. Bathe ke bona, beqokele ngokubasongela, babandulula, bengafumani sizathu bangababetha ngaso, ngenxa yabantu; ngokuba bonke babemzukisa uThixo ngoko kwakuhlile. Kuba umntu owathi waphiliswa phezu kwakhe lo mqondiso wokuphiliswa wayeneminyaka engaphezu kwamashumi amane.

IZENZO 4:1-22 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Kekaloku nxa bebeteta ebantwini, kwababaqa abaperisite, nenkosi yetempile, nabasadusi, bebindekile ngenxa yokuba bebefundisa abantu, nokuba bebeshumayela ngaye u‐Yesu ukuvuka kwabafileyo. Baza babeka izandla pezu kwabo, babafaka entolongweni kude kube ngomso; ngokuba kube kuse kuhlwile. Kodwa abaninzi bababelivile ilizwi bakolwa; laye lite inani lamadoda langa laba ngamawaka mahlanu. Kwaza kwati ngomso, kwahlanganisana abapati babo, nabadala, nababa̔li, e‐Yerusaleme, no‐Anasi umperisite omkulu, no‐Kayafasi, no‐Johane, no‐Aletsandere, nabo bonke ababesalamana nomperisite omkulu. Baza bakuba bebebamisile pakati, babuza, besiti: Kungawanina amandla, umhlaumbi ngelanina igama, enikwenzile oku nina? Wandula u‐Petrosi, ezalisiwe NGUMOYA OYINGCWELE, wati kubo: Bapati babantu nabadala bo‐Sirayeli! ukuba tina namhla nje siyabuzwa pezu kwesenzelelo wasenzelwa umlwelwe, ukuba kunganto nina lo upilisiwe; makwazeke kuni nonke, nakubo bonke abantu bakwa‐Sirayeli, okokuba kungegama lika‐Yesu Kristu um‐Nazarete, lowo nina namkuruseshayo, ate UTIXO wamvusa ekufeni, kungaye lo ukuba lomntu umi apa ebusweni benu epilile. Nguye lo ilitye elalideliwe nini baki, elaba yintloko yegumbi. Kanjako akuko lusindiso kuwumbi namnye: ngokuba kungeko nagama limbi ngapantsi kwezulu elinikiweyo pakati kwabantu, esifanele ukusindiswa ngalo. Kekaloku bebona ukukalipa kuka‐Petrosi no‐Johane, beqiqile nokuba bangabantu abangabangenalufundo nabamnyama, bati nqa, babanakana ukuba bebenaye u‐Yesu. Kanjalo bebona umntu obepiliswe emi nabo, bebengenanto yokupika. Kodwa bebayalele ukuba bapume entlanganisweni, bacebisana omnye nomnye, besiti: Siya kwenza nto nina kwababantu? ngokuba okunene kubonakala kubo bonke abemiyo e‐Yerusaleme, ukuba ummangaliso owazekileyo wenzekile ngabo; asingekukanyele ke. Noko, ukuze kungavakaliseki kakulu ngakumbi ebantwini, masibasongele kunene, ize bangabi sateta nakomnye umntu ngeligama. Baza bakuba bebabizile, babayalela ukuba mabangake batete nokuba mabangafundisi ngegama lika‐Yesu. Kodwa u‐Petrosi no‐Johane bapendula bati kubo: Yahlulani, ukuba kufanelekile na ebusweni BUKATIXO ukuva nina ngapezu kwokuva UTIXO: ngokuba singebe nako ukuti, izinto esizibonileyo nesizivileyo, singaziteti. Kekaloku bepindile ukubasongela babakulula, bengafumani ndawo yokuba bangabohlwaya ngayo, ngenxa yabantu; kuba bonke bebedumisa UTIXO pezu kwoko kwenzekileyo. Ngokuba ebegqitisile iminyaka emashumi mane ngobudala, lowamntu okube kwenzekile kuye lommangaliso wokupilisa.