IZENZO 24:25
IZENZO 24:25 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Akubon' ukuba ke uthetha ngobulungisa, nokuzeyisa, nangogwebo oluza kubakho, wangenwa kukoyika uFelikis, waphendula wathi, Hamba okwakalokunje: ke ndakùzuza ithuba, ndokubiza uze.
Yabelana
Funda IZENZO 24IZENZO 24:25 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kodwa wahambisa uPawulos echaza ngokuziphatha kakuhle, ukuzeyisa, nangomhla womgwebo, uFelekis watsho woyika wathi: “Ungakhe umke ngoku; ndiya kuphinda ndikubize xa ndinethuba.”
Yabelana
Funda IZENZO 24IZENZO 24:25 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ethetha ngobulungisa, nokuzeyisa, nangogwebo oluza kubakho, wangenwa kukoyika uFelikis, waphendula wathi, Hamba okwakalokunje; ndakuba ndinethuba, ndokubiza uze.
Yabelana
Funda IZENZO 24IZENZO 24:25 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Naxeshekweni ebeteta ngabo ubulungisa, nobunca̔tu, nokugwetywa okuza kubako, wanokwoyika u‐Felitse, wati ukupendula: Hamba okwakaloku nje; nxa ke ixesha elifanelekileyo ndilizuzileyo, ndokubiza uze kum.
Yabelana
Funda IZENZO 24