IZENZO 23:1-35
IZENZO 23:1-35 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Waqwalasela ke uPawulos entlanganisweni yamatyala, wathi, Madoda, bazalwana, mna ndahlala ngokwalowo ungowakwaThixo, ndinesazela esilungileyo, kwada kwayile mini. Ke kaloku umbingeleli omkhulu, uHananiya, wathi kwabo babemi ngakuye, mabambethe emlonyeni. Waza wathi uPawulos kuye, Úza kukubetha uThixo, ludongandini luqatyiweyo. Wena uthi uhlalele ukuba uthethe ityala lam ngokomthetho, ubuye waphule umthetho, uthi mandibethwe? Bona ke ababemi khona bathi, Ùyamthuka na umbingeleli omkhulu kaThixo? Wathi uPawulos, Bendingazi, bazalwana, ukuba ungumbingeleli omkhulu; kuba kubhaliwe kwathiwa, Uze ungathethi kakubi ngomphathi wabantu bakowenu. Ke kaloku uPawulos, esazi ukuba elinye icala lelabaSadusi, elinye ke lelabaFarisi, wadanduluka entlanganisweni yamatyala esithi, Madoda, bazalwana, mna ndingumFarisi, ndingowomFarisi; ndimangalelwe mna ngalo ithemba nangovuko lwabafileyo. Uthe ke akukuthetha oko, kwabakho impambano phakathi kwabaFarisi nabaSadusi, yahlulelana inkitha leyo; kuba okunene abaSadusi babesithi, akukho luvuko, nasithunywa sazulu, namoya; kodwa abaFarisi bazivuma zombini ezo ndawo. Kwabakho ke unkqangazo olukhulu; besuka ababhali becala labaFarisi balwa kakhulu, besithi, Asifumani nanye into embi kulo mntu; ke ukuba kuthethe umoya kuye, nokuba sisithunywa sezulu, masingalwi noThixo thina. Kuthe ke, yakuba nkulu impambano, wathi umthetheli-waka, esoyikela ukuba uPawulos angáqwengwa ngabo, wathi mawuhle umkhosi, umxwile phakathi kwabo, umzise enqabeni yawo. Ke kaloku ngobo busuku iNkosi yema ngakuye, yathi, Yomelela, Pawulos; kuba njengokuba waqononondisa izinto ngam eYerusalem, kwangokunjalo umelwe kukuthi ungqine naseRoma. Ke kaloku kwakusa, abathile kumaYuda bathuthelana bazibopha ngesiqalekiso, besithi abayi kudla, abayi kusela nokusela, bade bambulale uPawulos. Baye ke bengaphezu kwamashumi omané ababefungele ukuyenza loo nto; abathi bona beza kubabingeleli abakhulu nakumadoda amakhulu, bathi, Sizibophile ngesiqalekiso esikhulu, ukuba singafaki nto emlonyeni, side simbulale uPawulos; ke ngoku nina bhekisani kumthetheli-waka kunye nentlanganiso yamatyala, ukuba amhlise, eze naye kuni ngomso, ngokungathi niza kuziqiqa ngokukhona kucokisekileyo iindawo ezithethwa ngaye; sibe ke thina, engekasondeli, sesilungiselele ukumbulala. Ke kaloku, akukuva unyana wodade boPawulos ukumlalela kwabo, wafika wangena enqabeni yomkhosi, wambikela uPawulos. UPawulos ubizele ke kuye omnye wakubathetheli-khulu, wathi, Yisa le ndodana kumthetheli-waka; kuba inento eza kuyibika kuye. Uyithabathile ke yena, wayizisa kumthetheli-waka, wathi, UPawulos, umbanjwa undibizele kuye, wacela ukuba ndizise le ndodana kuwe; inento eza kuyithetha kuwe. Wayibamba ke ngesandla umthetheli-waka, waya nayo ngasese, wayibuza wathi, Ùnantoni na oza kuyibika kum? Yathi ke, AmaYuda avumelene ukukucela ukuba umhlise uPawulos, umse ngomso entlanganisweni yamatyala, ngokungathi aza kubuza ngokukhona kucokisekileyo into ngaye. Ke wena uze ungoyisakali ngawo; kuba kuwo apho úlalelwe ngamadoda angaphezu kwamashumi amané, azibophileyo ngeziqalekiso, ukuba angadli angaseli ade ambulale; nangoku aselelungile, elinde idinga elivela kuwe. Umthetheli-waka wayindulula ke indodana leyo, akuba eyithethele ngelithi, mayingaxeleli bani, ukuba izibonakalalisile kuye ezo ndawo. Ebizele kuye abathetheli-khulu abathile ababini, wathi, Lungisani amasoldati abe makhulu mabini, ukuba aye eKesareya, nabamahashe babe mashumi asixhenxe, nababinzi babe makhulu mabini, ngelesithathu ilixa lobusuku; nilungise namaqegu, ukuze bamkhwelise uPawulos, bamse kuFelikis irhuluneli, asinde. Wabhala incwadi ethi: UKlawudiyo Lisiya uyabulisa kuFelikis, irhuluneli edume kunene. Le ndoda yayibanjwe ngamaYuda, iza kubulawa ngawo; koko ndathi gaxa kuwo ndinomkhosi, ndayihlangula, ndakùqonda ukuba ingumRoma. Ndakuba ke ndingalazi ityala abeyimangalela ngalo, ndayihlisa, ndayisa entlanganisweni yawo yamatyala; ndayifumana imangalelwe ngeembuzwano zomthetho wawo, kodwa ingenalo nalinye ityala elilingene ukufa, nokufakwa iintambo. Ke kaloku, kwakubon' ukuba ndilihletyelwe iyelenqe ebeliza kwenziwa ngayo le ndoda ngamaYuda, ndithumele kuwe kwangelo lixa, ndathi nakubamangaleli bayo, mabazithethe kuwe iindawo abanazo ngakuyo. Hlala kakuhle. Amasoldati ke amthabatha uPawulos, njengoko amiselwe ngako, amsa kwa-Antipatri ebusuku. Kuthe ke ngengomso abashiya abamahashe, ukuba bahambe naye, wona abuyela enqabeni yomkhosi; bathi bona, bakufika eKesareya, bayinikela incwadi kwirhuluneli, bammisa noPawulos phambi kwayo. Iyilesile ke irhuluneli, yabuza nokuba ungowabuphi na uburhulumente; ithe yakuqonda ukuba ungowelaseKiliki, yathi, Ndokuva kakuhle, xa bathe bafika nabamangaleli bakho; yatsho yathi, makagcinwe endlwini yerhuluneli ebiyekaHerode.

IZENZO 23:1-35 IBHAYIBHILE (XHO96)
UPawulos wawajonga ntsho amalungu eBhunga, wathi: “Mawethu, kude kuze kuba yile mininje andinasazela nganto ngobomi bam bonke phambi koThixo.” Akutsho, umbingeleli omkhulu uHananiya wayalela ukuba uPawulos ampakazwe emlonyeni ngabo babekufuphi naye. Waphendula uPawulos wathi: “UThixo uya kukubetha, ludongandini luvetiweyo; uchophele ukundigweba ngokomthetho, kodwa kwawena uyawaphula umthetho, uthi mandibethwe!” Amadoda awayekufuphi noPawulos athi kuye: “Ngumbingeleli omkhulu kaThixo lo umthukayo!” UPawulos wathi: “Hayi, mawethu, bendingamazi ukuba ungumbingeleli omkhulu. Kaloku *iziBhalo zithi: ‘Ungàthethi kakubi ngomlawuli wabantu bakho.’ ” Akuqonda uPawulos ukuba kweli qela kukho *abaSadusi kwakunye *nabaFarasi, wabhekisa eBhungeni apho, wathi: “Mawethu, mna ndingumFarasi ongunyana womFarasi. Ndisematyaleni nje kungenxa yokuba ndinethemba lokuba abafileyo baya kuvuka.” Akutsho abaFarasi nabaSadusi baxabana bodwa, baza bahlukana kubini. Kaloku bona abaSadusi bathi abantu abayi kuvuka ekufeni, bakwathi akukho zithunywa zezulu, akukho namimoya, kodwa abaFarasi bona bayakholelewa kwezi zinto zontathu. Kwathi ke kwakuba njalo, kwaxokozela, abanye babachazi-mthetho beqela labaFarasi baphakama bekhalaza besithi: “Thina asifumani nto ingalunganga kule ndoda! Mhlawumbi ngenene umoya othile okanye isithunywa sezulu sithethile nayo.” Ingxoxo leyo yakhula kangangokuba ingqwayi-ngqwayi yaba sexhaleni lokuba uPawulos bosuka bamthi qwenge-qwenge. Ngoko ke yayalela ukuba amajoni amthathe uPawulos apho entlanganisweni, aye naye enqabeni yomkhosi. Ngobo busuku iNkosi yema ngakuPawulos, yathi: “Qina! Njengokuba undingqine apha eJerusalem nje, kufuneka wenze kwaloo nto naseRoma.” Ngentsasa elandelayo amaJuda adibana enza iyelenqe. Azibopha ngesifungo sokuba angatyi angaseli engambulalanga uPawulos. Ayengaphezu kwamashumi amane kweli yelenqe. Aza ke aya kubabingeleli abaziintloko nakubadala athi: “Sizibophe ngesifungo, saye sizimisele ukuba singafaki nto phantsi kwempumlo singekambulali uPawulos. Nina ke *neBhunga thumelani kumphathi-mkhosi wamaRoma ukuba azise uPawulos kuni, nenze ngathi nisafuna ukuncina inyaniso ngaye. Thina ke soba sesilungile, simhlasele simbulale engekafiki kuni.” Kodwa weva ngeli yelenqe unyana wodade boPawulos, waza ke waya kungena enqabeni yamajoni, wamxelela ngalo uPawulos. UPawulos ubize umphathi-butho, wathi kuye: “Yisa lo mfana kwingqwayi-ngqwayi. Kukho into afuna ukuyixelela yona.” Umphathi-butho wamthatha wamsa kwingqwayi-ngqwayi, wafika wathi: “Ndibizwe ngumbanjwa uPawulos, wathi mandize nalo mfana kuwe, kuba kukho into aza kukuxelela yona.” Ingqwayi-ngqwayi imbambe ngesandla umfana lowo, yamtsalela bucala, yambuza isithi: “Uze kundixelela ntoni?” Uthe umfana: “Iziphathamandla zamaJuda zivumelene ukuba zikucele ngomso, ukhe uthumele uPawulos eBhungeni, zisenza ngathi kukho indawo ebalulekileyo elifuna ukuyiqonda kuye iBhunga. Kodwa uze ungavumi ukuyiva loo nto, ngoba kukho amadoda angaphezu kwamashumi amane alalele uPawulos endleleni. Afungile ukuba akayi kutya, engayi kusela, ade ambulale. Nangoku selelungile, elindele ukuba uvume.” Ithe ingqwayi-ngqwayi: “Uzungayithethi mntwini into yokuba undixelele ngeli yelenqe.” Yaza yamndulula umfana lowo. Ingqwayi-ngqwayi ithe yabiza abaphathi-mabutho bayo ababini, yathi kubo: “Lungiselelani ukuya eKhesariya ngokuhlwanje ngentsimbi yethoba. Ze nihambe namakhulu amabini amajoni kunye namashumi asixhenxe amajoni akhwele amahashe, kwakunye namakhulu amabini amajoni aphatha iintshuntshe. Nithathe namahashe okukhwela, uPawulos nimse kuFelekis irhuluneli engenzakalanga.” Ingqwayi-ngqwayi yabhala ileta, yenjenje: “UKlawudiyo Lisiya ubulisa ohloniphekileyo uFelekis irhuluneli. Le ndoda âyibamba amaJuda eza kuyibulala. Ndivile ukuba ingummi ongumRoma, ndaya kuyihlangula ngamajoni. Ndithe ke ngokufuna ukuqonda isityholo abayibeka sona, ndayisa *eBhungeni lawo. Apho ke kuye kwacaca ukuba ayenzanga tyala lokuba ingagwetyelwa ukufa, nokuba mayivalelwe entolongweni. Isityholo ebekwa sona siphathelele kwimpikiswano ngomthetho wabo. Ndithe ke ndakuva ukuba kukho amaJuda azungula ukuyibulala, ndagqiba ukuba ndiyithumele kuwe. Abamangali nabo ndibaxelele ukuba beze kuyimangalela kuwe.” Amajoni enza njengoko ayeyalelwe. Amthatha uPawulos kwangobo busuku, aya kufika naye eAntipatri. Ngengomso ahamba ngeenyawo abuyela eJerusalem, aza awamahashe ahamba naye. Aya kufika naye eKhesariya, ayinika irhuluneli ileta leyo, amnikezela kuyo noPawulos. Iyifundile ileta irhuluneli, yambuza uPawulos ukuba wayengowaliphi na iphondo. Yakuva ukuba wayengowaseKiliki yathi: “Ityala lakho liya kuthethwa kwakufika abamangali.” Yathi uPawulos makagcinwe ebhotwe likaHerode.
IZENZO 23:1-35 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Waqwalasela ke uPawulos entlanganisweni yamatyala, wathi, Madoda, bazalwana, mna ndahlala ngokwalowo ungowakwaThixo, ndinesazela esilungileyo, kwada kwayile mini. Umbingeleli omkhulu uHananiya wayalela abo babemi ngakuye ukuba bambethe emlonyeni. Wathi uPawulos kuye, Uza kukubetha uThixo, ludongandini luqatyiweyo; Bathi ke abo babemi khona, Uyamthuka na umbingeleli omkhulu kaThixo? Wathi uPawulos, Bendingazi, bazalwana, ukuba ungumbingeleli omkhulu; kuba kubhaliwe kwathiwa, Uze ungathethi kakubi ngomphathi wabantu bakowenu. Ke kaloku uPawulos, esazi ukuba elinye icala lelabaSadusi, elinye ke lingabaFarisi, wadanduluka entlanganisweni yamatyala, wathi, Madoda, bazalwana, mna ndingumFarisi, unyana womFarisi; umbuzo. Akuba etshilo, kwabakho impambano phakathi kwabaFarisi nabaSadusi, yahlulelana inkitha leyo. Kuba okunene abaSadusi babesithi, akukho luvuko, nasingelosi, namoya; kodwa abaFarisi bazivuma zombini ezo ndawo. Kwabakho ke unkqangazo olukhulu; besuka ababhali becala labaFarisi balwa kakhulu, besithi, Asifumani nanye into embi kulo mntu; ke ukuba kuthethe kuye umoya, nokuba sisithunywa sezulu, masingalwi noThixo. Kuthe ke, yakuba nkulu impambano, wathi umthetheli-waka esoyikela ukuba uPawulos angaqwengwa ngabo, wathi mawuhle umkhosi, umxwile phakathi kwabo, umzise enqabeni yawo. Ngobusuku obulandelayo iNkosi yema ngakuye, yathi, Yomelela, Pawulos; kuba njengokuba waqononondisa ngam eYerusalem, kwangokunjalo umelwe kukuthi ungqine naseRoma. Kwathi kwakusa, amaYuda athile enza ibhunga, azibopha ngesiqalekiso, esithi akayi kudla, akayi kusela, ade ambulale uPawulos. Baye ke bengaphezu kwamashumi omane ababefungele ukuyenza loo nto. Afika ke kubabingeleli abakhulu nakumadoda amakhulu, athi, Sizibophe ngesiqalekiso esikhulu, ukuba singadli nto, side simbulale uPawulos. Ngoku ke nina bhekisani kumthetheli-waka kunye nentlanganiso yamatyala, ukuba amhlise, eze naye kuni ngomso, ngokungathi niza kuziqiqa ngokukhona kucokisekileyo iindawo ezithethwa ngaye; sibe ke thina, engekasondeli, sesilungele ukumbulala. Ke kaloku, akukuva unyana wodade boPawulos ukumlalela kwabo, wafika wangena enqabeni yomkhosi, wambikela uPawulos. uPawulos ubizele ke kuye omnye wakubathetheli-khulu, wathi, Yisa le ndodana kumthetheli-waka; kuba inento eza kuyibika kuye. Uyithabathile ke yena, wayizisa kumthetheli-waka, wathi, uPawulos, umbanjwa undibizele kuye, wacela ukuba ndizise le ndodana kuwe; inento eza kuyithetha kuwe. Wayibamba ke ngesandla umthetheli-waka, waya nayo ngasese, wayibuza wathi, Unantoni na oza kuyibika kum? Yathi ke, AmaYuda avumelene ukukucela ukuba umhlise uPawulos, umse ngomso entlanganisweni yamatyala, ngokungathi aza kubuza ngokukhona kucokisekileyo into ngaye. Ke wena uze ungabayekeleli; kuba bamlalele kubo phezu kwawo amadoda angaphezu kwamashumi omane, awabophe ngesifungo ukuba akayi kudla, akayi kusela, ade ambulale; ukanti sewulungile, ukhangele; ngenxa yedinga elivela kuwe. Umthetheli-waka wayindulula ke indodana leyo, wayithethela ngelithi, mayingaxeleli bani, ukuba izibonakalalisile kuye ezi zinto. Ebizele kuye abathetheli-khulu ababini, wathi, Lungisani amasoldati abe makhulu mabini, ukuba aye eKesareya, nabamahashe babe mashumi asixhenxe, nababinzi babe makhulu mabini, ngelesithathu ilixa lobusuku; nilungise namaqegu, ukuze bamkhwelise uPawulos, bamse kuFelikis irhuluneli, asindile. Wabhala ke incwadi ngolu hlobo. uKlawudiyo Lisiya uyabulisa kuFelikis irhuluneli edume kunene. Le ndoda yayibanjwe ngamaYuda, iza kubulawa ngawo, koko ndathi gaxa kuwo ndinomkhosi, ndayihlangula, ndakuqonda ukuba ingumRoma. Ndakuba ke ndingalazi ityala abeyimangalela ngalo, ndayihlisa, ndayisa entlanganisweni yawo yamatyala; Ndayifumana imangalelwe ngeembuzwano zomthetho wawo, kodwa ingenalo nalinye ityala elilingene ukufa, nokufakwa iintambo. Ke kaloku, kwakubon’ ukuba ndilihletyelwe iyelenqe ebeliza kwenziwa ngayo le ndoda ngamaYuda, ndithumele kuwe kwangelo lixa, ndathi nakubamangaleli bayo, mabazithethe kuwe iindawo abanazo ngakuyo. Sala kakuhle. Aza amasoldati, njengoko abeyalelwe, amthabatha uPawulos, amzisa kwa-Antipatri ngobusuku. Ngengomso abashiya abamahashe, ukuba bahambe naye, abuyela enqabeni yomkhosi; abathi bona, bakufika eKesareya, bayinikela incwadi kwirhuluneli, bammisa noPawulos phambi kwayo. Iyilesile ke irhuluneli, yabuza ukuba ungowabuphi na uburhulumente; Uthe ke akuqonda ukuba ungowaseKiliki; Wathi ndokuva kakuhle, xa bathe bafika nabamangaleli bakho; wathi makagcinwe endlwini yerhuluneli kaHerode.
IZENZO 23:1-35 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waza u‐Paulusi, ete nama amehlo entlanganisweni, wati: Madoda, bazalwana! mna ukuzipata kwam ndikwenzile pambi KWOTIXO ngako konke ukuzazela okulungileyo kwada kwayiyo lemini. Waza umperisite omkulu, u‐Hananiya, wabayalela abo babemi kufupi kuye ukuba bambete emlonyeni. Wandula u‐Paulusi wati kuye: UTIXO uza kubeta wena, ludonga oluqatyiweyo ngobumhlope! uti wena uhlale na undigweba ngokwomteto, uze ugqita emtetweni uxele ukuba ndibetwe? Baza abo babemi kufupi bati: Umperisite omkulu KATIXO uyamtuka na? Wayesiti u‐Paulusi: Bendingazi, bazalwana! ukuba ungumperisite omkulu; ngokuba kuba̔liwe ukuti: Umpati wabantu bako akuyi kuteta kakubi ngaye. Kodwa akunakana u‐Paulusi ukuba esinye isahlulo sisesabasadusi, nesinye sesabafarisi, wadanduluka entlanganisweni, esiti: Madoda, bazalwana! mna ndingumfarisi, unyana womfarisi; kungenxa yetemba novuko lwabafileyo endimenywayo. Kwati kwakuba etshilo oku, kwesuka ungxolisano pakati kwabafarisi nabasadusi, waza wahluleka umhlambi. Ngokuba abasadusi besiti akuko luvuko, akuko kwa nengelosi nomoya; kodwa abafarisi bayavuma ezonto zombini. Kwaza kwabako ingxolo enkulu; bati ababa̔li besahlulo sabafarisi besuka, bapika, besiti: Asifumani nto ekohlakeleyo kulomntu; kodwa ukuba kutete umoya kuye, umhlaumbi ingelosi, masingalwi NOTIXO. Kwati kwakubako ungxolisano olukulu, inkosiwaka isoyika ukuba ngabi u‐Paulusi woqwengwa ngabo, yaxela ukuba umkosi uhle umhlasele kwa pakati kwabo, umngenise elalini yamasodati. Kekaloku ngobusuku obulandelayo yema INKOSI ngakuye, yati: Yomelela, Paulusi! ngokuba, njengokuba uzinqi̔nisile izinto ezingam e‐Yerusaleme, kwa njalo ufanele ukunqi̔na nase‐Roma. Kwati kwakuba kusile, abatile bakuma‐Juda benza ucebelano, bazibambisa ngesiqalekiso, besiti abayi kutya, abayi kusela kanjalo, bade babulale u‐Paulusi. Babe ke bengapezu kwamashumi mane abo babeyenzile lembambisano; abezayo kubaperisite abakulu nakubadala, bati: Sizibambisile ngesiqalekiso esikulu, ukuba asiyi kuva nto side sibulale u‐Paulusi. Ngako kaloku nina, kunye nentlanganiso yamapakati, bikelani inkosiwaka okokuba imhlisele kuni ngomso, ngokungati niza kuzigongxa ngokukolisa ngakumbi izinto ezingaye; nati ke, engekezi kufupi yena, silungile ukuba simbulale. Kodwa akuva unyana wodade bo‐Paulusi ukulalela kwabo, waya kona wangena elalini yamasodati, washumayeza u‐Paulusi. Waza u‐Paulusi wabiza enye yazo inkosikulu, wati: Yisa indodana le kwinkosiwaka; ngokuba inento etile ukuyishumayela kuyo. Kwa njalo ke yayitabata nayo yayisa kwinkosiwaka, yati: Umbanjwa u‐Paulusi wandibiza, watandaza ukuba lendodana ndiyise kuwe, inento etile ukuyiteta kuwe. Yaza inkosiwaka yayibamba ngesandla, yaya nayo ecaleni ngasese, yabuza ngokuti: Yinto nina onayo ukuyishumayela kum? Yati ke: Ama‐Juda avumelene ukucela kuwe, okokuba u‐Paulusi umhlisele entlanganisweni yamapakati ngomso, ngokungati aza kubuza into ngaye ngokukolisa ngakumbi. Wena ngoko ungateleli kuwo: ngokuba kulalela yena kuwo, amadoda angapezu kwamashumi mane, azibambisileyo ngesiqalekiso ukuba akayi kutya, akayi kusela kanjalo, ade ambulale u‐Paulusi: nakaloku alungile, elinda isitembiso kuwe. Yandula inkosiwaka yayindulula indodana leyo, iyiyalele ngokuti: Ungatyeli mntu ukuba ezizinto uzibikile kum. Yaza yabiza inkosikulu ezitile zambini, yati: Lungisani amasodati abe makulu mabini, ukuze ahambe ukuya e‐Kesareya, nabakweli bamahashe babe mashumi asixe̔nxe, nabapete intshuntshe babe makulu mabini, kweyesitatu iyure yobusuku; nize nibabekele amahashe, ukuze bamkwelise u‐Paulusi pezu kwawo, bamzise egcinekile ku‐Felitse inkosi. Yaba̔la incwadi inokukutsho: U‐Kilodiyusi Lisiyasi kuyo inkosi edumileyo kakulu u‐Felitse, ebulisa. Lendoda ibanjiwe ngama‐Juda nje, iza kubulawa ngawo kanjalo, ndawabaqa nomkosi, ndayihlangula, ndiqondile ukuba ingum‐Roma. Ndati ndifuna ukulazi ituba abeyinika ityala ngenxa yalo, ndayihlisela entlanganisweni yamapakati yawo: endayifumana inikwa ityala ngayo imibuzo yomteto wawo, kodwa ingabekelwa ityala lanto efanele ukufa nezinxibo. Kwati kwakuxelwa kum ukuba bekusenziwa ingcebo ngakuyo lendoda ngama‐Juda, ndasuka ndatuma kuwe, ndiyalele nabamnika ityala ukuba batete izinto abanazo ngakuye pambi kwako. Hlala kuhle. Kwa njalo ke amasodati, njengoko kuwamiselweyo, amtabata u‐Paulusi, amsa ngobusuku e‐Antipatrisi. Ati ngomnye umhla, ebashiyele abakweli bamahashe ukuhamba naye, abuyela elalini yamasodati. Bati abo bakufika e‐Kesareya, banikela incwadi kwinkosi, babeka no‐Paulusi pambi kwayo. Yaza inkosi yakuba ileseshile incwadi leyo, yabuza ukuba ungowelipina ilizwana. Yandula yakuqonda ukuba ungowase‐Silisiya, yati: Ndokolisa ukukuva, okuya bafikileyo nabakunika ityala. Yaza yaxela ukuba agcinwe endlwini yobukosi ka‐Herodi.