IZENZO 16:1-15

IZENZO 16:1-15 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Ke kaloku wafika eDerbhe naseListra. Kwabonakala kukho mfundi uthile apho, ugama linguTimoti, unyana wentokazi ethile engumYudakazi okholiweyo, kodwa uyise engumGrike; obengqinelwe kakuhle ngabazalwana baseListra naseIkoniyo. Lowo uPawulos wathanda ukuba aphume naye; wamthabatha wamalùsa, ngenxa yamaYuda abekwezo ndawo; kuba bonke babemazi uyise ukuba ungumGrike. Ke kaloku, xa babeyihamba imizi, babanikela imimiselo ukuba bayigcine, leyo ibimiswe ngabapostile namadoda amakhulu aseYerusalem. Ayezimaseka ke ngoko amabandla elukholweni, esanda ngenani imihla ngemihla. Ke kaloku, bakulityhutyha ilizwe laseFrigi nelaseGalati, balelwa nguMoya oyiNgcwele ukulithetha ilizwi kwelaseAsiya. Befikile kwelaseMisi, balinga ukuya nakwelaseBhitini, kodwa akabavumelanga uMoya lowo; badlula ke kwelaseMisi, behla baya eTrowa. Kwabonakala umbono kuPawulos ebusuku. Kwema ndoda ithile yelaseMakedoni, imbongoza isithi, Wela uze kwelaseMakedoni, usisize. Ke kaloku, akuwubona umbono lowo, safuna thina kwaoko ukuphuma siye kwelaseMakedoni, sígqibé kwelithi, iNkosi isibizele ukuba sibashumayeze iindaba ezilungileyo. Sindulukile ngoko ngomkhombe eTrowa, sathi ngqo ukuya eSamotraki, sathi ngengomso seza eNeyapoli; ukusuka apho, seza eFilipi, owona mzi wokuqala wecala elo lilelaseMakedoni, uyikoloni.• Salíbala ke kuloo mzi imihla ethile. Sathi ngomhla wesabatha, saphuma saya ngaphandle komzi ngasemlanjeni, apho umthandazo ubusakwenziwa khona; sahlala phantsi, samana sithetha kubafazi ababebuthelene khona. Kwaye kuphulaphula intokazi ethile egama linguLidiya, umthengisi weengubo ezibomvu, womzi weTiyatira, emhlonelayo uThixo, entliziyo yayivulayo iNkosi ukuba izinyamekele izinto ezazithethwa nguPawulos. Ke kaloku, yakuba ibhaptiziwe nendlu yayo, yasibongoza isithi, Ukuba nithi ndikholiwe eNkosini, ngenani endlwini yam, nihlale. Yasizama.

IZENZO 16:1-15 IBHAYIBHILE (XHO96)

UPawulos waya eDerbhe naseListra. Apho kwakukho ikholwa eligama linguTimoti, onina wayekwalikholwa, engumJudakazi, uyise yena engumGrike. Onke amakholwa aseListra naseIkoniyo ayemazi ngesimilo esihle uTimoti. UPawulos wafuna ukuhamba noTimoti, ngoko ke wamolùsa kuqala, kuba onke amaJuda aloo mmandla ayesazi ukuba uyise wayengolukanga. Ekuzityhutyheni kwabo ezo dolophu, amakholwa bawazisa ngesigqibo *sabathunywa nabadala eJerusalem. Aza ke amabandla omelezeka elukholweni, anda nangamanani imihla ngemihla. Xa babekwingingqi yaseFrigi naseGalati, uMoya oyiNgcwele wabalela ukuba balishumayele ilizwi eAsiya. Bakufika emdeni waseMisi, bazama ukungena eBhitini, kodwa nakhona uMoya kaYesu akabavumelanga. Ngoko ke bacanda eMisi, behla baya eTrowa. Xa babelapho ke, ebusuku uPawulos wabona umbono. Indoda yaseMakedoni yayimile imcenga isithi: “Yiza apha eMakedoni, uzokusinceda.” Ngokukhawuleza emva kwalo mbono kaPawulos, salungiselela ukuya eMakedoni, kuba saqonda ukuba uThixo usibizela ukuba siye kuzishumayela iindaba ezimnandi kubantu balapho. Semka ngesikhephe eTrowa, sahamba ngqo sacanda sijonge eSamotraki, saza ngengomso sangena eNapoli. Sakusuka apho, saya kutsho eFilipi, idolophu yokuqala kwisithili saseMakedoni, eyayilithânga laseRoma. Sakhe sahlala iintsukwana apho kuloo dolophu. *NgoMhla wokuPhumla saphuma edolophini, saya ngasemlanjeni, apho sasiba koba kukho indawo athandazela kuyo amaJuda. Sahlala phantsi, sancokola namakhosikazi awayebuthe apho. Enye yawo eyayisiphulaphule nguLidiya waseTiyatire, owayengumthengisi weempahla ezimsobo zexabiso. Wayeyintokazi eyayimhlonela uThixo, yaza ke iNkosi yayibaza ingqondo ukuba izigqale izinto ezazithethwa nguPawulos. Yabhaptizwa kunye nosapho lwayo. Yaza ke yasimema isithi: “Ukuba nithi ndilikholwa ngenene eNkosini, khanizokuhlala kwam.” Yasithundeza ke ukuba siye.

IZENZO 16:1-15 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Ke kaloku wafika eDerbhe naseListra. Kwabonakala kukho mfundi uthile apho, ugama linguTimoti, unyana wentokazi ethile engumYudakazi okholiweyo, kodwa uyise engumGrike; ke uyise yena engumGrike; Ekungqinelwe kakuhle ngako ngabazalwana baseListra naseIkoniyo. Lowo uPawulos wathanda ukuba aphume naye; wamthabatha wamalusa, ngenxa yamaYuda abekwezo ndawo; kuba bonke babemazi uyise ukuba ungumGrike. Ke kaloku, xa babeyihamba imizi, babanikela imimiselo ukuba bayigcine, leyo ibimiswe ngabapostile namadoda amakhulu aseYerusalem. Ayezimaseka ke ngoko amabandla elukholweni, esanda ngenani imihla ngemihla. Ke kaloku, bakulityhutyha ilizwe laseFrigi nelaseGalati, balelwa nguMoya oyiNgcwele ukulithetha ilizwi kwelaseAsiya. Bakuba befikile eMisiya, balinga ukuya eBhithiniya, kodwa akabavumelanga uMoya. Badlula eMisiya behla baya eTrowa. Kwabonakala umbono kuPawulos ebusuku. Indoda ethile yaseMakedoni yayimi imbongoza isithi, Welela ngapha kwelaseMakedoni, usincede. Ke kaloku, akuwubona umbono lowo, saza ke sazabalazela ukuba siye kwelaseMakedoni, sigqibe kwelokuba iNkosi isibizele ukuba sibashumayeze iindaba ezilungileyo. Sindulukile ngoko eTrowa, seza ngqo eSamotraki, sathi ngengomso seza eNeyapoli; ukusuka apho, seza eFilipi, owona mzi wokuqala wecala elo lilelaseMakedoni, uyikoloni, salibala ke kuloo mzi. NgoMhla wokuPhumla saphuma saya ngaphandle kwedolophu ngasemlanjeni, apho kuthandazwa khona; sahlala phantsi, sathetha kubafazi ababebuthelene khona. Yasiva intokazi ethile egama linguLidiya, umthengisi weengubo ezibomvu, womzi weTiyatira, emhlonelayo uThixo, entliziyo yayivulayo iNkosi ukuba izinyamekele izinto ezazithethwa nguPawulos. Ke kaloku, yakuba ibhaptiziwe nendlu yayo, yasibongoza isithi, Ukuba nithi ndikholiwe eNkosini, ngenani endlwini yam, nihlale khona. Wasinyanzela.

IZENZO 16:1-15 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Waza wafika e‐Derebe nase‐Lisitira: kekaloku bona ke, umdisipile otile ebekona, ogama lingu‐Timote, unyana womfazi otile obengum‐Judakazi okoliweyo, nowoyise obengum‐Girike; obenqi̔nelwa kakuhle ngabazalwana abebese‐Lisitira nase‐Koniyume. Yena lo u‐Paulusi watanda ukuba apume aye naye; waza wamtabata wamalusa, ngenxa yama‐Juda abekuzo ezondawo; ngokuba onke ebemazi uyise ukuba ungum‐Girike. Bati ke nxa bebezicanda izixeko, babanikela imiteto ebekugwetyiwe ngayo ngabapostile nabadala abebese‐Yerusaleme, ukuba bayibambe. Kwa nje ke iṙemente zibe ziqiniswa elukolweni, zamana zisanda inani lazo imihla ngemihla. Kekaloku bakuba bebecandile i‐Firijiya nelizwe le‐Galati, besalelwa NGUMOYA OYINGCWELE ukuteta ilizwi e‐Asiya, bati bakufika e‐Misiya, balinga ukuya e‐Bitiniya; kanti UMOYA akabavumela. Baza bedlula e‐Misiya behla beza e‐Tirowa. Kwaza kwabonakala umboniso ku‐Paulusi ebusuku: Kwaye kumi indoda etile yase‐Masedoniya, imbongoza, isiti nokuti: Wela uze e‐Masedoniya, usisize. Xeshekweni ke abebonile umboniso lowo, sati kwa oko safuna ukumka siye e‐Masedoniya, siqonda ngawo ukuba INKOSI isibizele ukushumayela ivangeli kubo. Ngako sindulukile nje e‐Tirowa, sati ngqo ukuselishela e‐Samotirase, nangomhla olandelayo e‐Neyapolise. Saza sisuka kona saya e‐Filipi, esisixeko esikulu sesosahlulo sase‐Masedoniya, siyikoloni. Saye sibe sihlala kwesisixeko imihla etile: sati ke ngomhla wesabata sapuma saya pandle kwesixeko ngasemlanjeni, apo bekulisiko ukuba kutandazwe kona; saza sahlala pantsi, sateta kuwo amankazana abebutene ndawonye. Kwaye kusiva inkazana etile egama lingu‐Lidiya, umtengisikazi wezivato ezibomvu wasesixekweni se‐Tiyatira, ebibedesha UTIXO; entliziyo yayivulayo INKOSI, ukuba inyamekele izinto ezibe zitetwa ngu‐Paulusi. Yati yona yakuba ibapitizeshiwe, nendlu yayo, yasibongoza, isiti: Ukuba nigwebile ukuti ndinyanisekile KWINKOSI, ngenani endlwini yam, nihlale kona. Yaza yasiqu̔ba.