KAPETROS II 3:11-12
KAPETROS II 3:11-12 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ekubeni ngoko zonke ezi zinto ziya kuchithakala, nimele ukuba ngabanjani na ngeehambo ezingcwele nokuhlonela uThixo; Niyilindele, nikungxamile, ukufika kwayo imini kaThixo, eliya kuthi ngayo izulu litshe lichithakale, zithi neziqalelo zitshe zinyibilike.
KAPETROS II 3:11-12 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ezo zinto zonke ngoku zíchithakala nje, nimele ukuba ngabanjani na ngeehambo ezingcwele nokuhlonela uThixo; nikulindela, nikukhawulezela, ukufika kwayo imini kaThixo, eliya kuthi ngenxa yayo izulu lifakwe isikhuni, lichithakale, zithi neziqalelo zitshe zinyibilike?
KAPETROS II 3:11-12 IBHAYIBHILE (XHO96)
Xa ke eli phakade liza kutshabalala kanje, ngaba kufuneka nithini nina? Kufuneka nizinikele ngokupheleleyo, niphile ubomi obunyulu. Kufuneka nenze unako-nako, nilangazelela ukuba ikhawuleze imini kaThixo. Ewe, loo mini iya kuwalenya ngomlilo amazulu atshabalale; ngokunjalo neziseko zawo ziya kunyibilika.
KAPETROS II 3:11-12 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kekaloku ezizinto zonke zinokuci̔teka nje, nifanele ukuba ngabanjanina kuko konke ukumila okungcwele nobubedesho, nilinda ninxamisa nokunxamisa ukufika kwawo umhla KATIXO, okungenxa yawo amazulu evuta nje oci̔teka, neziqaleko zisitsha nje zonyibilika?