KAPETROS II 1:3-4
KAPETROS II 1:3-4 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Nibona nje, ukuba amandla akhe obuThixo asiphile zonke izinto ezisingise ebomini nasekuhloneleni uThixo, ngako ukumazi lowo wasibizayo ngozuko nesidima. Esithé ngezo zinto, saphiwa amadinga amakhulukazi, anqabileyo, ukuze ngawo nibe ngamadlelane ngemvelo yobuThixo, nisinde ekonakaleni okukhoyo ehlabathini ngenkanuko.
KAPETROS II 1:3-4 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngamandla akhe uThixo usenzele zonke izinto eziyimfuneko ebomini, ukuze siziphathe ngokwentando yakhe; nokuze sazane nalowo usibizileyo, khon' ukuze sibuxhamle ubuqaqawuli nesidima sakhe. Ezi zipho zisisiqinisekiso sezinto ezinkulu nezimangalisayo asenzela zona: uThixo usenza sibe nenxaxheba kubomi bakhe, sikuphephe ukonakaliswa lihlabathi elikhohlakeleyo.
KAPETROS II 1:3-4 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Njengokuba amandla akhe obuThixo asiphile zonke izinto ezisingise ebomini nasekuhloneleni uThixo, ngako ukumazi lowo wasibizayo ngozuko nesidima; Esithe ngazo saphiwa amadinga amakhulu kakhulu, anqabileyo, ukuze ngawo nibe ngamadlelane ngemvelo yobuThixo, nisinde ekonakaleni okukhoyo ehlabathini ngenxa yenkanuko.
KAPETROS II 1:3-4 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ukuba amandla ake abutixo esipile zonke izinto ezilungele ubomi nobubedesho, ngako ukwaziwa kwalowo owasibizayo ngabo ubungcwalisa namandla; okungazo sipiwe izitembiso ezikulu kunene ezinqabileyo, ukuze niti ngezi nibe nobudlelana nawo ummilo obutixo, nisindile nje kulo ulwonakalo oluselizweni ngayo inkanuko