KWABASEKORINTE II 6:14-18
KWABASEKORINTE II 6:14-18 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Musani ukunxulumana nabolunye uhlobo, abangakholwayo ke; kuba kunakwabelana kuni na ubulungisa nokuchasa umthetho? Kunabudlelane buni na ke ukukhanya nobumnyama? Unakuvumelana kuní na ke uKristu noBheliyali?• Unasahlulelwano siní na okholwayo nongakholwayo? Inakudibana kuní na ke itempile kaThixo nezithixo? Kuba nina niyitempile kaThixo ophilileyo; njengokuba watshoyo uThixo ukuthi, Ndiya kuhlala phakathi kwabo, ndihambe phakathi kwabo; ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam bona. Kungoko ndithi, Phumani phakathi kwabo, nizahlule, itsho iNkosi, Nento engcolileyo ningayichukumisi; (UIsaya 52:11) Ndandiya kunamkela, Ndibe nguyihlo, Nina nibe ngoonyana neentombi kum; Itsho iNkosi uSomandla. (UYer. 31:19)
KWABASEKORINTE II 6:14-18 IBHAYIBHILE (XHO96)
Musani ukuzilinganisa nizifanise nabantu abangakholwayo, kuba àyenziwa loo nto. Ingádibana njani into elungileyo nengalunganga? Kungahlala njani ukukhanya ndawonye nobumnyama? Unabudlelane buni uKrestu nomtyholi? Linabudlelane buni ikholwa nomntu ongakholwayo? Inabudlelane buni na indlu kaThixo nezithixo zeentlanga? Kaloku thina siyindlu kaThixo ophilayo! Kutsho uThixo ngokwakhe ukuthi: “Ndiya kulenza kubantu bam ikhaya lam, ndihlale phakathi kwabo, ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam ke bona.” Ngokunjalo iNkosi ithi: “ ‘Phumani phakathi kwabo, nahlukane nabo. Musani ukuyichukumisa into engcolileyo. Mna ndiya kunamkela. Ndoba nguyihlo, nina nibe ngoonyana neentombi zam,’ itsho iNkosi uSomandla.”
KWABASEKORINTE II 6:14-18 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Musani ukunxulumana nabolunye uhlobo, abangakholwayo ke; kuba kunakwabelana kuni na ubulungisa nokuchasa umthetho? Kunabudlelane buni na ke ukukhanya nobumnyama? Unakuvumelana kuni na ke uKristu noBheliyali? Unasabelo sini na ke okholwayo kunye nongakholwayo? Inakudibana kuni na ke itempile kaThixo nezithixo? Kuba nina niyitempile kaThixo ophilileyo; njengokuba watshoyo uThixo ukuthi, Ndiya kuhlala phakathi kwabo, ndihambe phakathi kwabo; ndibe nguThixo wabo, bona babe ngabantu bam. Kungoko ndithi, Phumani phakathi kwabo, nizahlule, itsho iNkosi, nento engcolileyo ningayichukumisi; kwaye ndiya kunamkela; Ndiya kuba nguyihlo, nina nibe ngoonyana neentombi kum; itsho iNkosi uSomandla.
KWABASEKORINTE II 6:14-18 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ize ningazifaki iyokwe yimbi ndawonye nabangakolwayo: ngokuba kuko ubukolwane bunina pakati kwobulungisa nokungalungi? nokukanya kunobudlelana bunina kunye nobumnyama? no‐Kristu unemvumelano yanina kunye no‐Beliyali? umhlaumbi okolwayo unesabiwo sanina ndawonye nongakolwayo? netempile KATIXO inesilungelelano sanina nezitixo? ngokuba nina niyiyo itempile KATIXO ohleliyo; njengokuba etshilo UTIXO ukuti: Ndiya kuma kubo, ndihambe pakati kwabo; ndandiya kuba NGUTIXO wabo, bati bona babe ngabantu kum. Ngako oko pumani kwa pakati kwabo, nibe nahlukile, utsho UYEHOVA, nokunco̔lileyo ningakucu̔kumisi; ndandiya kunamkela, ndibe nguyihlo kuni, niti nina nibe ngonyana nentombi kum, utsho UYEHOVA usomandla.