KUTIMOTI I 1:15-17
KUTIMOTI I 1:15-17 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Lithembekile ilizwi eli, lifanelwe kukwamkelwa konke, eli lokuba uKristu Yesu weza ehlabathini ukuba asindise aboni; endingomkhulu kubo mna; noko ke ndesuka ndenzelwa inceba ngenxa yoku, ukuze uYesu Kristu akubonakalalisele kum, mna ungomkhulu, konke ukuzeka kade umsindo, ndibe ngumzekelo kwabo baza kukholwa kuye, base ebomini obungunaphakade. Ke kaloku, kuye uKumkani wawo amaphakade, ongenakonakala, ongenakubonakala, kuThixo olumkileyo yedwa, makubekho imbeko nozuko, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.
KUTIMOTI I 1:15-17 IBHAYIBHILE (XHO96)
Nanga amazwi athembekileyo, afanele ukwamkelwa: UKrestu Yesu weza emhlabeni ukuze asindise aboni; ndingobalaseleyo ke mna. Kodwa kungenxa yesi sizathu kanye ukuba uThixo andenzele inceba, ukuze umonde kaKrestu Yesu ubonakale ngokupheleleyo ngam. Undibizile, nangona ndingobalaseleyo nje umoni, ukuze ndibe ngumzekelo kubo bonke abasaza kukholwa kuye bafumane obona bomi bungenasiphelo. Kuye uKumkani ongunaphakade, yena ongagugiyo, ongabonwayo, uThixo yedwa – kuye makubekho isidima nobungangamela kude kube ngunaphakade kanaphakade! *Amen.
KUTIMOTI I 1:15-17 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Lithembekile ilizwi eli, lifanelwe kukwamkelwa konke, eli lokuba uKristu Yesu weza ehlabathini ukuba asindise aboni; endingomkhulu kubo; Noko ke ndesuka ndenzelwa inceba ngenxa yoku, ukuze uYesu Kristu akubonakalalisele kum, mna ungomkhulu, konke ukuzeka kade umsindo, ndibe ngumzekelo kwabo baza kukholwa kuye, base ebomini obungunaphakade. Kuye uKumkani wawo amaphakade, ongenakonakala, ongenakubonakala, kuThixo olumkileyo yedwa, makubekho imbeko nozuko, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.
KUTIMOTI I 1:15-17 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Linyanisekile elilizwi, lifanele konke ukwamkelwa kanjako, lokuba u‐Kristu Yesu weza elizweni ukuza kusindisa aboni; endingomkulu kubo bonke mna. Kuloko ngenxa yoku ndabamkela ububele, ukuze kwa kum ndingomkulu nje u‐Yesu Kristu abonakalise konke ukuzeka kade kwake, ukubenzela umlinganiso abo baya kukolwa kuye kube bubomi obungunapakade. Kekaloku kukumkani wobunapakade, kongonakaliyo, kongabonekiyo, kokupela kwolumkileyo UTIXO, makubeko udumo nobungcwalisa kude kube ngunapakade kanapakade. Amene.