USAMUWELI I 7:5-17
USAMUWELI I 7:5-17 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wathi uSamuweli, Wahlanganiseleni eMizpa onke amaSirayeli, ndinithandazele kuYehova. Ahlanganiselana eMizpa, akha amanzi, awaphalaza phambi koYehova, azila ukudla ngaloo mini, athi khona, Sonile kuYehova. Wabalawula uSamuweli oonyana bakaSirayeli eMizpa. Eva amaFilisti ukuba oonyana bakaSirayeli bahlanganiselene eMizpa, zenyuka izikhulu zamaFilisti, zawaphumela amaSirayeli. Beva oonyana bakaSirayeli, bawoyika amaFilisti. Bathi oonyana bakaSirayeli kuSamuweli, Musa ukuyeka ukusikhalela kuYehova uThixo wethu, asisindise esandleni samaFilisti. USamuweli wathabatha itakane elanyayo, walinyusa lalidini elinyukayo lonke liphela kuYehova. Wakhala uSamuweli kuYehova ngenxa yamaSirayeli; uYehova wamphendula. Kwathi, xa uSamuweli alinyusayo idini elinyukayo, amaFilisti asondela, esiza kulwa namaSirayeli. UYehova wadudumisa ngezwi elikhulu loo mini kumaFilisti, wawaqungaqunga; abulawa phambi kwamaSirayeli. Aphuma amadoda akwaSirayeli eMizpa, awasukela amaFilisti, awabulala, esa phantsi kweBhetekare. USamuweli wathabatha ilitye, walimisa phakathi kweMizpa neShen, wathi igama lalo yiEbhenezere;• wathi, Kude kwaba lapha uYehova esinceda. Athotywa ke amaFilisti, akaba saphinda eze emdeni wakwaSirayeli; sachasana namaFilisti isandla sikaYehova yonke imihla kaSamuweli. Yabuyiselwa kumaSirayeli imizi leyo abeyithimbile amaFilisti kumaSirayeli, ithabathela e-Ekron yesa eGati; nemida yayo ayihlangula amaSirayeli esandleni samaFilisti. Laxola ke phakathi kwamaSirayeli nama-Amori. USamuweli waye engumlawuli kumaSirayeli yonke imihla yobomi bakhe; ehamba iminyaka ngeminyaka, ejikeleza eBheteli, naseGiligali, naseMizpa, ewalawula amaSirayeli kwezo ndawo zonke; ebuyela eRama, ngokuba yayikhona indlu yakhe. Wawalawula nakhona amaSirayeli, wákha isibingelelo kuYehova khona.
USAMUWELI I 7:5-17 IBHAYIBHILE (XHO96)
Emva koko uSamweli wathi: “Onke amaSirayeli makahlangane eMizpa. Mna ke ndiya kunithandazela kuNdikhoyo.” Kwayiwa ke eMizpa kuloo mbizo, kwakhiwa amanzi, aza aphalazwa, kusenziwa umnikelo kuNdikhoyo. Kwakuzilwe imini yonke, abantu besithi: “Sinetyala kuNdikhoyo.” (NguSamweli owaba yinkokheli yamaSirayeli eMizpa.) Athi akuva amaFilistiya ukuba nâko amaSirayeli eqokelelene eMizpa, aphuma ekhokelwa ziinkosi zawo ukuya kuhlasela amaSirayeli. Zaya kufika kumaSirayeli ezo ndaba, atsho awoyika amaFilistiya, athi kuSamweli: “Uze ungayeki ukusitarhuzela kuNdikhoyo uThixo wethu, khon' ukuze asihlangule kumaFilistiya.” USamweli wathatha itakane, wenzela uNdikhoyo ngalo idini elitshiswayo lilonke. Wacelela amaSirayeli uncedo kuNdikhoyo, weviwa nguNdikhoyo umthandazo wakhe. Kanye xa uSamweli wayesenza elo dini, asondela amaFilistiya, elungiselela ukuhlasela amaSirayeli. Kuthe kanye ngoko kwavakala ukuzongoma kukaNdikhoyo, kusiza ngakumaFilistiya, atsho adideka, awabaleka amaSirayeli. Asuka indulumbane amaSirayeli, ephuma eMizpa, awaleqa kujub' ugodo ukuya ngaseBhete-kare. Emva koko uthathe ilitye lalinye uSamweli, walimisa phakathi kweMispa neShen, wathi igama laloo ndawo yiEbhenezere, esithi: “Kude kwakalokunje uNdikhoyo esinceda.” Kwaba njalo ke ukoyiswa kwamaFilistiya, ayeka ukuhlasela ummandla kaSirayeli. Ngalo lonke ixesha esaphila uSamweli isandla sikaNdikhoyo sasiwachasile amaFilistiya. Azibuyisela kwaSirayeli zonke izixeko ezaziphakathi kwe-Ekron neGati, ezo ayezithimbile amaFilistiya. Waba ke wonke ummandla kaSirayeli uyakhululeka kumaFilistiya. Kwabakho uxolo, nditsho naphakathi kwamaSirayeli nama-Amori. USamweli waba yinkokheli yamaSirayeli bonke ubomi bakhe. Minyaka le wayedla ngokwenza umjikelo, aye eBhetele, eGiligali, naseMizpa, afike apho alamle iimbambano zabantu. Ukusuka apho wayegoduka aye eRama, apho wayefika alamle nakhona. Apho eRama kulapho wakha iqonga lokwenzela uNdikhoyo amadini.
USAMUWELI I 7:5-17 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wathi uSamuweli, Bahlanganiseleni eMizpa bonke oonyana bakaSirayeli, ndinithandazele kuYehova. Bahlanganisana eMitspe, bakha amanzi, bawagalela phambi koYehova, bazila ukudla ngaloo mini, bathi, Sonile kuYehova. uSamuweli wabawisela umthetho oonyana bakaSirayeli, ukuba beze eMitiva. Xa amaFilisti evayo ukuba oonyana bakaSirayeli baqokelelene ndawonye eMizpa, iinkosana zamaFilisti zamhlasela uSirayeli. Beva oonyana bakaSirayeli, boyika amaFilisti. Bathi oonyana bakaSirayeli kuSamuweli, Musa ukuyeka ukunqula uYehova uThixo wethu, ukuba asigcine, asihlangule esandleni samaFilisti. uSamuweli wathabatha itakane elanyayo, wenza ngalo umbingelelo otshiswayo ngokupheleleyo kuYehova, waza uSamuweli wabiza kuYehova ngenxa yoSirayeli; wamva uYehova. Kwathi, xa uSamuweli wayezisa idini elinyukayo, amaFilisti asondela ukuba alwe noonyana bakaSirayeli; boyiswa ngamaSirayeli. Amadoda akwaSirayeli aphuma eMizpa, awasukela amaFilisti, awabulala, ada aya kufika eBhete-kare. uSamuweli wathabatha ilitye, walibeka phakathi kweMitspe neSene, wathi igama layo yiEbhenezere, wathi, uYehova usincedile unangoku. Oyiswa ke amaFilisti, akaba saphinda eze ezweni lakwaSirayeli; yaye isandla sikaYehova saba nxamnye namaFilisti yonke imihla kaSamuweli. Imizi abeyithimbile amaFilisti kumaSirayeli yabuyela kwaSirayeli, ithabathela e-Ekron yesa eGati; yaye ilizwe lakhe lamkhulula uSirayeli esandleni samaFilisti. Kwabakho uxolo phakathi koonyana bakaSirayeli nama-Amori. uSamuweli waqhubeka ekhokela amaSirayeli yonke imihla yobomi bakhe. Minyaka le wayesiya eBheteli naseGiligali naseMizpa ukuze ayalele amaSirayeli kuzo zonke ezo ndawo. Waye ebuyela eRama; ngokuba indlu yakhe ibikhona; wabawisela umthetho oonyana bakaSirayeli khona; wamakhela khona isibingelelo uYehova.
USAMUWELI I 7:5-17 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wati u‐Samyali kanjalo: Bahlanganiseni o‐Sirayeli bonke beze e‐Mitsipa, ndandiya kunitandazela KUYEHOVA. Baza bahlanganiselwa e‐Mitsipa, baka amanzi, bawatulula pambi KWOYEHOVA, bazila ukutya ngalomini, bati kona: Sonile ngakuye UYEHOVA. Waye u‐Samyali wagweba usapo luka‐Sirayeli e‐Mitsipa. Ati akuva ama‐Filistiya ukuba usapo luka‐Sirayeli luhlanganiselwe e‐Mitsipa, zandula inkosi zama‐Filistiya zenyuka ngakubo o‐Sirayeli, Nxa usapo luka‐Sirayeli luvile oku, lwanokwoyika ngenxa yama‐Filistiya. Lwaza usapo luka‐Sirayeli lwati ku‐Samyali: Ungayeki ukusikalela KUYEHOVA, UTIXO wetu, ukuze asisindise esandleni sama‐Filistiya. Wandula u‐Samyali watabata imvana nye eyanyayo, wayinikela ipela ibe lidini lokutshiswa KUYEHOVA: waye u‐Samyali wakalela o‐Sirayeli KUYEHOVA; wati UYEHOVA wampulapula. Kwaye kute, akuba u‐Samyali ebenikela elodini lokutshiswa, ama‐Filistiya asondela ukulwa no‐Sirayeli: kodwa UYEHOVA wadudumisa ngodudumo olukulu ngalomini pezu kwama‐Filistiya, wawapitizelisa; ada oyiswa pambi kwo‐Sirayeli. Aza amadoda akwa‐Sirayeli apuma e‐Mitsipa, awaputuma ama‐Filistiya, awabeta kude kwasezantsi kwe‐Bete‐kare. Wandula u‐Samyali watabata ilitye linye, walimisa pakati kwe‐Mitsipa ne‐Shene, walibiza ngegama eliyi‐Ebenezere, esiti: Kude kwalapa UYEHOVA usincedile. Kwa njalo ama‐Filistiya atotyiswa; akasapinda ukuza emdeni wakwa‐Sirayeli: ngokuba isandla SIKAYEHOVA besingakuwo ama‐Filistiya yonke imihla ka‐Samyali. Kwaza kwabuyiselwa ko‐Sirayeli izixeko ezibe zitinjiwe ngama‐Filistiya ko‐Sirayeli, kwa kuyo i‐Hekrone kude kwakuyo i‐Gate; nemida yazo bayihlangula o‐Sirayeli esandleni sama‐Filistiya. Kanjako bekuko uxolo pakati kwo‐Sirayeli naba‐Amori. Kekaloku u‐Samyali wagweba o‐Sirayeli ngayo yonke imihla yokudla kwake ubomi. Waya ngomnyaka ngomnyaka wazungulezela e‐Betele, ne‐Gilegale, ne‐Mitsipa, wabagweba o‐Sirayeli kwezondawo zonke. Waza wabuyela e‐Rama; ngokuba ibikona indlu yake; nakona wagweba o‐Sirayeli; waka nakona isibingelo KUYEHOVA kanjalo.