USAMUWELI I 31:4-5
USAMUWELI I 31:4-5 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wathi uSawule kumphathi weentonga zakhe, Rhola ikrele lakho, undihlabe ngalo, hleze aba bangalukileyo beze bandihlabe amahlanza, bafekethe ngam. Ke umphathi weentonga zakhe akavumanga; ngokuba ebesoyika kunene. Walithabatha ke uSawule ikrele, wawa phezu kwalo. Wabona umpathi weentonga zakhe ukuba ufile uSawule, wawa naye phezu kwekrele lakhe, wafa kunye naye.
USAMUWELI I 31:4-5 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kweso sithuba uSawule ubhekise kumfana owayephatha izikhali zakhe, wathi: “Rhola ikrele, undigwaze. Andifuni kuvuyelelwa zeziya ntlanga zingalukanga, xa ziza kundibulala.” Loo mfana kambe akazange avume kuyenza loo nto, kuba wayesoyika. USawule ke urhole ikrele lakhe, waza waziphosa kulo. Wathi akubona uSawule efile, naye loo mfana waziphosa kwelakhe ikrele, wafa kunye noSawule.
USAMUWELI I 31:4-5 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wathi uSawule kumfana lowo, Rhola ikrele lakho, undibulale ngalo; masithi mhlawumbi bazakufika aba bantu, bandihlabe bandiqalekise. Akavuma umphathi weentonga zakhe; ngokuba ebesoyika kunene. Walithabatha ke uSawule ikrele, waziwisa phezu kwalo. Uthe umphathi weentonga zakhe, akubona ukuba ufile uSawule, waziwisa phezu kwekrele lakhe, wafa kunye naye.
USAMUWELI I 31:4-5 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wandula u‐Saule wati kumtwali wezixo̔bo zake: Ṙola iṙele lako, undihlabe ngalo; hleze aba bangalukileyo beze, bandihlabe, badlale ngam. Kodwa umtwali wezixo̔bo zake ebengavumi; ngokuba ebesoyika kakulu. Waza u‐Saule watabata iṙele, wawa pezu kwalo. Wati umtwali wezixo̔bo zake, akubona ukuba u‐Saule ufile, wawa naye pezu kweṙele lake, wafa kunye naye.