USAMUWELI I 21:12-13
USAMUWELI I 21:12-13 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waye u‐Davide wabekela lamazwi entliziyweni yake, woyika kakulu ngenxa ka‐Akishe ukumkani we‐Gate. Ngako wayenza yimbi ingqondo yake emehlweni abo, wazenzisa igeza ezandleni zabo, waṙwela pezu kwengcango zesango, wahlisela amate ake eludevini lwake.
USAMUWELI I 21:12-13 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
UDavide wawagcina loo mazwi entliziyweni yakhe, woyika kunene ebusweni buka-Akishe, ukumkani waseGati. Waziphambanisa ingqondo phambi kwabo, wazigezisa esandleni sabo, wakrwela ezingcangweni zesango, wavuzisa uluchwe ezindevini zakhe.
USAMUWELI I 21:12-13 IBHAYIBHILE (XHO96)
Wakuwazikisa la mazwi uDavide wangenwa kukumoyika ukumkani uAkishe. Kwathi ke ngalo lonke ixesha ekufuphi naye, uDavide aziphambanise, enze izinto zobugeza. Wayedla ngokukrwela ezindongeni zesixeko, avuzise izinkcwe zihle ngeendevu.
USAMUWELI I 21:12-13 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
uDavide wawabeka la mazwi entliziyweni yakhe, wamoyika kunene uAkishe ukumkani waseGati. Waziguqula iindlela zakhe phambi kwabo, wazenza isidenge esandleni sabo, wazonwaya iingcango zesango, wawatshicela ezindevini zakhe.