USAMUWELI I 20:42
USAMUWELI I 20:42 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wathi uYonatan kuDavide, Hamba unoxolo; makume esikufungele igama likaYehova thina sobabini, sisithi, UYehova makabe phakathi kwam nawe, naphakathi kwembewu yam nembewu yakho, kude kuse ephakadeni. Wesuka ke wahamba. Ke uYonatan waya ekhaya.
USAMUWELI I 20:42 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kwesi sithuba uJonatan uthe kuDavide: “Hamba ngoxolo, mfondini, kuba thina sobabini sifungile egameni likaNdikhoyo. Ngoko ke uNdikhoyo ulingqina phakathi kwam nawe, naphakathi kwenzala yam neyakho.” UDavide ke wemka, waza yena uJonatan wabuyela edolophini.
USAMUWELI I 20:42 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wathi uYonatan kuDavide, Hamba unoxolo, ngokuba safunga egameni likaYehova, sathi, uYehova makabe phakathi kwam nawe kude kuse ephakadeni, naphakathi koonyana bam noonyana bakho. Wemka uYonatan, wahamba, wangena uYonatan esixekweni.
USAMUWELI I 20:42 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wayesiti u‐Jonatane ku‐Davide: Hamba ngoxolo: ngokokuba sifungile sobabini egameni LIKAYEHOVA, sisiti: UYEHOVA makabe pakati kwam nawe, napakati kwenzalo yam nenzalo yako, kude kube ngunapakade! Waselesuka wemka; wati u‐Jonatane wangena esixekweni.