USAMUWELI I 16:4-13

USAMUWELI I 16:4-13 IBHAYIBHILE (XHO96)

USamweli wenjenjeya ukusinga eBhetelehem, ethunywe nguNdikhoyo. Wahlangatyezwa ngamadoda amakhulu edolophu, egubha kukoyika. Ambuza esithi: “Ngaba uze ngoxolo?” Uthe ukuphendula uSamweli: “Kunjalo kanye; ndize ngoxolo. Ndize kwenzela uNdikhoyo idini. Zihlambululeni, nize nani, sinyuse idini.” Waza uJese noonyana bakhe wabahlambulula, wabamema nabo ukuba beze edinini. Bakuba bezile edinini apho, wathi uSamweli akubona uEliyabhi unyana kaJese, wathetha yedwa esithi: “Inene, nanku umthanjiswa kaNdikhoyo emi phambi kwakhe.” Kodwa uNdikhoyo wathi kuSamweli: “Musa ukujonga ubunzwana bakhe nesithomo sakhe. Asinguye endimfunayo. Kaloku mna Ndikhoyo andijongi okujongwa ngabantu. Abantu bakhangela umfaneleko; mna Ndikhoyo ndikhangela ngaphakathi entliziyweni.” UJese ubize omnye unyana wakhe, uAbhinadabhi, wamgqithisa phambi koSamweli. USamweli wathi: “Hayi bo, nalo akafunwa nguNdikhoyo!” Kugqithiswe uShama, wathi uSamweli: “Naye lo akafunwa nguNdikhoyo.” Bada bosixhenxe oonyana bakaJese bagqithiswa phambi koSamweli, yena emana esithi: “Hayi, akatyunjwanga nguNdikhoyo.” USamweli ubuzile kuJese: “Akunanyana bambi na?” Uthe uJese: “Ewe, ukho untondo; phofu usendle; walusa iigusha.” USamweli wathi: “Makaye kubizwa.” Watsho esithi: “Asizi kutya ade afike.” Ke uJese wathumela, waza waphuthunywa. Ebusweni ebekhangeleka esegazini, enamehlo abukhali, eyinzwana yomfo. UNdikhoyo ke wathi kuSamweli: “Nguye ke lowo, mthambise!” Wathatha elo qhaga lamafutha omnquma wayeliphethe uSamweli, wathambisa ngawo uDavide, abakhuluwa bakhe bejongile. Ukusukela ngaloo mini uDavide wangenwa ngamandla nguMoya kaNdikhoyo. Emva koko ke uSamweli yena wabuyela eRama.

USAMUWELI I 16:4-13 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Wasuka wenza u‐Samyali oko akutetileyo UYEHOVA, weza e‐Beteleheme. Baza abadala besixeko bamkaulela ngokungcangcazela, bati: Uyeza ngoxolo na? Wayesiti: Ngoxolo; ndize ukubingela UYEHOVA: zingcwaliseni, nize nam embingweni. Waza wabangcwalisa u‐Jese nonyana bake, wabamemela embingweni. Kwaye kute, bakungena, wambona u‐Eliyabe, wati: Okunene umtanjiswa wake upambi KWOYEHOVA! Kodwa UYEHOVA wati ku‐Samyali: Ungakangeli ukubonakala kwake, nobupakamo bobude bake, ngokuba ndimlahlile: ngokuba kungenjengokuba kubonwa ngumntu; ngokuba umntu ebona okupambi kwamehlo, kodwa UYEHOVA ebona okusentliziyweni. Wandula u‐Jese wambiza u‐Abinadabi, wamdlulisa pambi kwo‐Samyali. Wayesiti: UYEHOVA akamnyulanga nalowo. Wandula u‐Jese wamdlulisa u‐Shama. Wayesiti: UYEHOVA akamnyulanga nalowo. Kwa njalo u‐Jese wadlulisa isixe̔nxe sonyana bake pambi kwo‐Samyali. Wayesiti u‐Samyali ku‐Jese: UYEHOVA akanyulanga aba. Walekela u‐Samyali wati ku‐Jese: Kukupela kwabantwana bako aba na? Wayesiti: Kusasele omncinane; kekaloku bona ke, uyalusa igusha. Waza u‐Samyali wati ku‐Jese: Tuma, umtabate; ngokuba singayi kuhlala ngokungqonga, ade afike apa. Watuma ke, wamngenisa. Waye yena ebomvuṙa, enobuhle bamehlo nesoya sokubonakala. Wayesiti UYEHOVA: Suka, umtambise; ngokuba lo enguye. Wandula u‐Samyali watabata upondo oluneoli, wamtambisa pakati kwabakuluwe bake: wati UMOYA KAYEHOVA wehla pezu kwo‐Davide kwa semhleni lowo nangasemva. Wesuka ke u‐Samyali, waya e‐Rama.