USAMUWELI I 15:20-22
USAMUWELI I 15:20-22 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wathi uSawule kuSamuweli, Ndaliphulaphula ilizwi likaYehova, ndemka ngendlela uYehova ebendithume ngayo, ndamzisa uAgagi ukumkani wama-Amaleki, ndawaqalekisa ama-Amaleki. Kodwa abantu bathabatha emhlambini weebhokhwe neenkomo ezithinjiweyo, ezona zibalaseleyo kwezo zaziqalekisiwe, ukuze babingelele ngazo kuYehova uThixo wakho eGiligali. Wathi uSamuweli, uYehova unonelele amadini anyukayo nemibingelelo, ngaphezu kokuva ilizwi likaYehova? Yabona, ukuphulaphula kulungile ngaphezu kombingelelo, ukuphulaphula kulungile ngaphezu kwamanqatha eenkunzi zeegusha.
USAMUWELI I 15:20-22 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wathi uSawule kuSamuweli, Hayi, ndiliphulaphule ilizwi likaYehova, ndahamba ngendlela abendithume ngayo uYehova, ndamzisa uAgagi ukumkani wama-Amaleki, ndawatshabalalisa ama-Amaleki. Besuka abantu bathabatha emaxhobeni: impahla emfutshane, neenkomo, neyona inentlahla kwizinto ezisingelwe phantsi, ukuze babingelele kuYehova, uThixo wakho, eGiligali. Wathi uSamuweli, UYehova unonelele amadini anyukayo nemibingelelo, ngangokuba enonelele ukuphulaphulwa kwezwi likaYehova, yini na? Yabona, ukuphulaphula kulungile ngaphezu kombingelelo, nokubaza iindlebe kulungile ngaphezu kwamanqatha eenkunzi zeegusha.
USAMUWELI I 15:20-22 IBHAYIBHILE (XHO96)
“UNdikhoyo ndimthobele,” kutsho uSawule. “Ndiyile emfazweni ngokuthunywa nguye, ndambamba ukumkani uAgagi, kodwa ndawabulala onke amanye ama-Amaleki. Ke amajoni akazibulalanga ezona zintle iigusha neenkomo; eze nazo apha eGiligali, ukuza kwenzela uNdikhoyo uThixo wakho amadini.” Uqhube wenjenje uSamweli: “Ngaba yintoni emkholisayo uNdikhoyo: kukumthobela, okanye kukumenzela iminikelo namadini? Ukuthobela uNdikhoyo kubhetele kunokumenzela idini, nokuphulaphula kungcono kunamanqatha enkunzi!
USAMUWELI I 15:20-22 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waza u‐Saule wati ku‐Samyali: Ewe, ndilivile ilizwi LIKAYEHOVA, ndihambile endleleni UYEHOVA wandituma ngayo, ndimzisile u‐Hagagi ukumkani wama‐Amaleki, nama‐Amaleki ndiwalahlele ekutshatyalalisweni: kodwa abantu bacapula kuwo amaxoba, igusha nenkabi, oko kunqabileyo pakati kwokulahlelwe ekutshatyalalisweni, ukuze babingele UYEHOVA, UTIXO wako, e‐Gilegale. Waza u‐Samyali wati: UYEHOVA uyakoliswa ngamadini okutshiswa nemibingo na, njengokuba ekoliswa kukuva ilizwi LIKAYEHOVA? Bona ke, ukuva kulungile ngapezu kwombingo, nokupulapula ngapezu kwenqata lenkunzi zegusha.