USAMUWELI I 1:11
USAMUWELI I 1:11 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wabhambathisa ngesibhambathiso, wathi, Yehova wemikhosi, ukuba uthe wazikhangela ukuzikhangela oku iintsizi zomkhonzazana wakho, wandikhumbula, akwamlibala umkhonzazana wakho, wamnika umkhonzazana wakho umntwana oyindoda: ndomnika uYehova yonke imihla yobomi bakhe; isitshetshe sokucheba asiyi kusondezwa entlokweni yakhe.
USAMUWELI I 1:11 IBHAYIBHILE (XHO96)
wenza isibhambathiso kuNdikhoyo, wathi: “Ndikhoyo Somandla, wanga ungayibona inkxwaleko yesicakazana sakho, usikhumbule, ungasilibali isicakazana sakho, kodwa usinike unyana. Ke ndomnikezela kuwe, Ndikhoyo, abe ngowakho bonke ubomi bakhe, yaye neenwele zakhe azinakuze zichetywe. ”
USAMUWELI I 1:11 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wafunga wathi, Yehova wemikhosi, ukuba uthe wazikhumbula iintsizi zam nomkhonzazana wakho, akwamlibala umkhonzazana wakho, wamnika umkhonzazana wakho umntwana oyinkwenkwe: ndomnika uYehova yonke imihla yobomi bam. Hlala endlwini yakho ubomi bakhe, nencakuba ayiyi kufika entlokweni yakhe.
USAMUWELI I 1:11 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
wabambisa ngesibambiso, wati: YEHOVA wemikosi! ukuba woka ukangele imbandezelwa yesicakakazi sako, undikumbule, ungalibali isicakakazi sako, uze usinike isicakakazi sako umntwana wobudoda, sendiya kumnika KUYEHOVA ngayo yonke imihla yobomi bake; kanjalo isitshetshe sokugugula asiyi kunyuka pezu kwentloko yake.