KAPETROS I 1:6-13
KAPETROS I 1:6-13 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Enigcoba ngalo, nokuba nithe naba buhlungu umzuzwana ngoku, ukuba nimelwe kuko, phakathi kwezilingo ngezilingo; ukuze ukucikideka kokholo lwenu kufunyanwe kunqabile kakhulu, ngaphezu kwegolide le itshabalalayo, noko icikidwa ngomlilo; kuse kuyo indumiso nembeko nozuko ekutyhilekeni kukaYesu Kristu. Enithe, ningambonanga nje, namthanda; enithi ke nikholwa kuye, noko ngoku ningamboniyo, nigcobe ngovuyo olungathethekiyo, oluzukisiweyo; nisamkela isiphelo sokholo lwenu, usindiso ke lwemiphefumlo yenu. Usindiso abathe babuzisa, baphengulula kunene ngalo abaprofeti, ababeprofeta ngalo ubabalo olwamiselwa nina; bephengulula ukuba wayesalatha xesha lini na, linjani na, uMoya kaKristu, awayezingqinela kubo ngenxa engaphambili iintlungu ezamiselwa uKristu, nozuko oluya kuzilandela. Abatyhilelwáyo ukuba àbazilungiseleli bona ngokwabo; bazilungiselela thina ke, izinto enizityelweyo ngoku ngabo banishumayezáyo iindaba ezilungileyo ngoMoya oyiNgcwele, owathunywa evela emazulwini; izinto ke ezo ezizinqwenelayo izithunywa zezulu ukuqondela kuzo. Ngoko, bhinqani izinqe zengqondo yenu, ninobungcathu, niluthembe ngokugqibeleleyo ubabalo oluziswa kuni ekutyhilekeni kukaYesu Kristu
KAPETROS I 1:6-13 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngenxa yaloo nto ke vuyani, naxa phofu okwangoku ninyanzelekile ukuba nibe lusizi ngenxa yeentlupheko enizithweleyo. Ezo ntlupheko zicikida ukholo lwenu, lucace into oluyiyo. Negolide le iyinto etshabalalayo, iyacikidwa ngomlilo. Nalo ke ukholo lwenu oluxabiseke ngaphezu kwegolide lumelwe kukucikidwa, ukuze nibe nodumo, kwakunye newonga nesidima ngemini yokufika kukaYesu Krestu. Anikamboni nokumbona, kodwa niyamthanda. Niyakholwa nokukholwa kuye, naxa ningekamboni nje. Senizele naluchulumacho olungenakuchazwa, kuba seniyibona injongo yokholo lwenu; ndixela inkululeko yenu. Yile nkululeko kanye le babephengulula beyiphanda kunene *abashumayeli bamandulo. Babethetha ngesisa eniya kusenzelwa nguThixo. Babezama ukuphonononga ukuba zaziya kuhla nini na, njani na, ezo zigigaba. Kaloku uMoya kaKrestu wabatyhilela intlungu eyayiza kuhlela uKrestu ngeli thuba, newonga awayeza kulixhamla. Batyhilelwa ukuba ezo ndaba babezithetha ngezinto ngezinto, yayingezozabo, yayizezenu. Ezo ndaba ke zezi nizixelelwa ngabo bazivakalisayo kuni ngoku iindaba ezimnandi ngamandla kaMoya oyiNgcwele owavela ezulwini. Nditsho nkqu nezithunywa zezulu ziyakunqwenela ukuziqonda ezo zinto. Ngako ke finyezani umbhinqo, nibaze iingqondo, ningathembi nanye into ngaphandle kwesisa seentsikelelo eziza kuza noYesu ukufika kwakhe.
KAPETROS I 1:6-13 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Enigcoba ngalo, nokuba nithe naba buhlungu umzuzwana ngoku, ukuba nimelwe kuko, phakathi kwezilingo ngezilingo; ukuze ukucikideka kokholo lwenu kufunyanwe kunqabile kakhulu, ngaphezu kwegolide le itshabalalayo, noko icikidwa ngomlilo; kuse kuyo indumiso nembeko nozuko ekutyhilekeni kukaYesu Kristu. Enithi ningambonanga, niyamthanda; enithi ke nikholwa kuye, noko ngoku ningamboniyo, nigcobe ngovuyo olungathethekiyo, oluzukisiweyo; nisamkela isiphelo sokholo lwenu, usindiso ke lwemiphefumlo yenu. Usindiso olo babuphengulula, baphengulula ngalo abaprofeti, ababeprofeta ngobabalo oluya kunifikela; bephengulula ukuba wayesalatha xesha lini na, linjani na, uMoya kaKristu, awayezingqinela kubo ngenxa engaphambili iintlungu ezamiselwa uKristu, nozuko oluya kuzilandela. Batyhilelwa ukuba ezo ndaba zazishunyayelwa ngabo bazivakalisayo kuni ngoku iindaba ezimnandi ngoMoya oyiNgcwele owavela ezulwini; izinto ezo ezizinqwenelayo izithunywa zezulu ukuqondela kuzo. Ngoko, bhinqani izinqe zengqondo yenu, ninobungcathu, niluthembe ngokugqibeleleyo ubabalo oluziswa kuni ekutyhilekeni kukaYesu Kristu
KAPETROS I 1:6-13 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
onigcoba ngako kakulu, nangona kaloku ngomzuzwana, ukuba kufanelekile, niselusizini ngamalingwa amaninzi, ukuze ukulingwa kwokolo lwenu, kunqabile kakulu nje ngapezu kwokwegolide etshabalalayo, eti noko ilingwe ngomlilo, kufunyanwe kube ludumiso, nembeko, nobungewalisa, ekutyilweni kuka‐Yesu Kristu: eniti ningambonanga nje, nimtande; okuye, nangona kaloku ningamboniyo, nikolwa nje noko, niyagcoba ngovuyo olungatetekiyo oluzele bubungcwalisa; nisamkela isipelo sokolo lwenu, usindiswa lwemipefumlo yenu. Abate ngalo olosindiswa babuza bapanda kunene abaprofite abebeprofitesha ngalo ufefe lumiselwe nina; bapengulula ukuba lixesha elinina umhlaumbi elinjanina abexela ngalo UMOYA ka‐Kristu obekubo, enqi̔na ngapambili intlungu zimiselwe u‐Kristu, nobungcwalisa obuya kulandela: okwatyilwa kubo, ukuba bebengaziteteli bona, kodwa bebetetela tina ezizinto, ezityelweyo kuni kaloku ngabo banishumayezile ivangeli NGOMOYA OYINGCWELE esusiwe ezulwini; izinto ingelosi zikanukayo ukukangela kuzo. Ngako oko binqani amanqe oluvo lwenu, niqabuke, nilutembele ngokuzalisekileyo olofefe luniziselwayo ekutyilweni kuka‐Yesu Kristu