OOKUMKANI I 8:44-45
OOKUMKANI I 8:44-45 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Xa bathe abantu bakho baphuma, baya kulwa notshaba lwabo, ngendlela obathume ngayo, bathandaza kuYehova, bebhekisa kulo mzi uwunyulileyo, nakule ndlu ndiyakhele igama lakho: yiva ke emazulwini ukuthandaza kwabo nokutarhuzisa kwabo, ubagwebele.
OOKUMKANI I 8:44-45 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Nabantu bakho xa bathe baya emfazweni besilwa neentshaba zabo, noba ubathumela phi na, mabathi bakuthandaza kuwe bebhekisa kule ndlu ndiyakhele igama lakho kwesi sixeko osinyulileyo, yithi ke wena usezulwini uwuve umthandazo nesikhungo sabo, ubagwebele.
OOKUMKANI I 8:44-45 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Xa abantu bakho bathe bazihlasela iintshaba zabo, apho ubathumela khona, bathandaza kuYehova bebhekisa kulo mzi uwunyulileyo, nakule ndlu ndiyakhele igama lakho; Yiva usemazulwini umthandazo wabo nokutarhuzisa kwabo, ubamele esikhundleni sabo.
OOKUMKANI I 8:44-45 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Nxa abantu bako bapumayo ukuya kulwa ngakuzo intshaba zabo, ngendlela uya kubatuma ngayo, baze batandaze KUYEHOVA, ngakuso esisixeko usinyulileyo, nangakuyo lendlu endiyakileyo ngenxa yegama lako; wandule uve ezulwini ukutandaza kwabo nokutaṙuzisa kwabo, ulenze ibango labo.