KAYOHANE I 2:27-29
KAYOHANE I 2:27-29 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Nina intambiso enayamkelayo kuye ihleli kuni, aniswele kwakuba nifundiswe ngubani; kunjengokuba kwaloo ntambiso inifundisa ngeento zonke, iyinene, ingebuxoki; njengokuba ke yanifundisayo, hlalani kuye. Ngoku ke, bantwanana, hlalani kuye, ukuze xa athe wabonakalaliswa, sibe nokungafihlisi, singadani, simbaleke ekufikeni kwakhe. Ukuba niyazi ukuba ulilungisa, yazini ukuba bonke abenza ubulungisa bazelwe nguye.
KAYOHANE I 2:27-29 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kodwa ke nina uKrestu unithambise ngoMoya oyiNgcwele. Ngalo lonke ixesha uMoya wakhe ehleli kuni anidingi kufundiswa mntu. Kaloku uMoya uyanifundisa yonke into, ibe ke imfundiso yakhe ayibobuxoki, yinyani. Ngoko ke yithobeleni imfundiso kaMoya, nize nihlale nimanyene noKrestu. Ewe, bantwana bam, hlalani nimanyene noKrestu ukuze sibe nesibindi akuvela; ngokunjalo singabi naziintloni ngeMini yokufika kwakhe. Niyazi ukuba uKrestu ulilungisa; ngokunjalo ke qondani ukuba nawuphi na umntu owenza okulungileyo ungumntwana kaThixo.
KAYOHANE I 2:27-29 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Nina intambiso enayamkelayo kuye ihleli kuni, anifuni ukuba nifundiswe ngubani; kunjengokuba kwaloo ntambiso inifundisa ngeento zonke, iyinyani, ingebubuxoki, njengoko yanifundisileyo, hlalani kuye. Ngoku ke, bantwanana, hlalani kuye; ukuze xa athe wabonakalaliswa, sibe nokungafihlisi singadani, simbaleke ekufikeni kwakhe. Ukuba niyazi ukuba ulilungisa, yazini ukuba bonke abenza ubulungisa bazelwe nguye.
KAYOHANE I 2:27-29 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kanti nina, utanjiswa enalwamkelayo kuye, luyahlala kuni, nize ningafaneli ukuba umntu anifundise; koko njengokuba lona olotanjiswa lunifundisa ngento zonke, luyinene nje, lungebubo ke ubuxoki, nanjengokuba belunifundisile, niya kuhlala kuye. NAKALOKU, lusatshana! hlalani kuye; ukuze siti, okuya abonakaliswayo, sibe nokalipo, singamndwebi ngokudana ke, ekufikeni kwake. Xeshekweni nikwazi ukuba ulungile, niyaqonda ukuba osukuba esenza ubulungisa uzelwe nguye.