KWABASEKORINTE I 8:1-2
KWABASEKORINTE I 8:1-2 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku, ngeendawo zamadini enziwa kwizithixo, ndithi, Siyazi ukuba sinokwazi sonke. Ukwazi oku kuyakhukhumalisa, ke lona uthando luyakha. Ukuba ke umntu uba wazi nto, akakazi nento ngoko amelwe kukwazi ngako.
KWABASEKORINTE I 8:1-2 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ke ngoku malunga nokutyiwa kwenyama yedini elenzelwa *izithixo: Kakade sonke “sinolwazi,” njengoko kusitshiwo, kodwa olu “lwazi” lungenza ukuba umntu akhukhumale, kanti uthando lona luyakha. Umntu oba unolwazi, okunene akakabi nalo ulwazi olululo.
KWABASEKORINTE I 8:1-2 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku, ngeendawo zamadini enziwa kwizithixo, ndithi, Siyazi ukuba sinokwazi sonke. Ulwazi luyakhukhumalisa, ke lona uthando luyakha. Ukuba umntu uba wazi nto, akakazi nento ngoko amelwe kukwazi ngako.
KWABASEKORINTE I 8:1-2 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
KEKALOKU ngazo izinto ezibingelweyo izitixo, siyazi ukuba sinokwazi sonke. Ukwazi kuyavutelanisa, kodwa utando luyamisa. Ukuba ke umntu uba uyayazi into, akakazi luto njengokuba efanele ukulwazi.