KWABASEKORINTE I 14:1-20
KWABASEKORINTE I 14:1-20 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Phuthumani uthando olo, nibe kodwa nizizondelela izipho ezizezoMoya, ngokukodwa ke ukuba niprofete. Kuba lowo uthetha ngalulwimi lumbi akathethi bantwini, uthetha kuThixo; kuba akukho namnye umvayo, kodwa ke ngomoya uthetha iimfihlelo. Ke yena oprofetayo uthetha ebantwini ulwakheko, noyalo, nokhuzo. Lowo uthetha ngalulwimi lumbi uzakha yena; ke lowo uprofetayo wakha ibandla. Ndiyathanda ke ukuba nithethe ngalwimi zimbi nonke, noko ke ndithanda ngokukodwa ukuba niprofete. Kuba yena oprofetayo mkhulu kunalowo uthetha ngalwimi zimbi, xa lo angayicacisiyo intetho, ukuze ibandla libe nokwakheka. Kunjalonje ke, bazalwana, ukuba ndithe ndeza kuni, ndithetha ngalwimi zimbi, bendiya kuninceda ntoni na, xa ndingathanga ndithethe kuni ndinesityhilelo, ndinokwazi, ndinesiprofeto, ndinemfundiso? Khona kwizinto ezihlokomayo ezingenamphefumlo, ezinjengembande, nohadi, ukuba azithanga zahlule ukuhlokoma kwazo, bekungáthiwani na ukwaziwa oko kubethwayo ngembande, noko kubethwayo ngohadi? Kuba kanjalo, xa ixilongo lithe lalila ngezwi elingaqondakaliyo, ngubani na owoyixhobela imfazwe? Ngokunjalo nani, ukuba anithanga nithethe ngalo ulwimi intetho eqondeka kakuhle, yothiwani na ukwaziwa into enithetha yona? Kuba noba nithethela emoyeni. Nokuba zingaba sezingakanani na ukuba zininzi kwazo iintlobo zeentetho ehlabathini, akukho nalunye kuzo olungenanto luthetha yona. Ukuba ngoko andithanga ndiyazi intsingiselo yentetho, ndoba ngumbharbhari• kothethayo, nothethayo woba ngumbharbhari kum. Ngokunjalo nani, ekubeni kaloku nizondelela izipho ezizezoMoya, zifuneleni ukuba nibe nazo ngokugqithiseleyo, ukuze lakheke ibandla. Ngenxa yoko ndithi, othethayo ngalwimi zimbi, makathandazele ukuba icace intetho yakhe. Kuba xa ndithandaza ngalulwimi lumbi, umoya wam uyathandaza okunene wona, ke yona ingqiqo yam ayinasiqhamo. Kuthini na ke ngoko? Ndiya kuthandaza ngomoya, ndithandaze nangengqiqo; ndiya kuvuma ngomoya, ndivume nangengqiqo. Okanye, ukuba ùthe wasikelela ngomoya wodwa, wóthini na lowo uhleliyo endaweni yongenakwazi ukuthi, Amen, ekubuleleni kwakho, ekubeni kaloku into oyithethayo engayazi? Kuba okunene wena uyatyapha ukubulela, kodwa onguwumbi akakheki. Ndiyabulela kuThixo wam, kuba ndithetha ngalwimi zimbi ngaphezu kwenu nonke; kodwa ke ebandleni ndithanda ukuthetha amazwi abe mahlanu ngayo ingqiqo yam, ukuze ndibafundise nabanye, kunokuba ndithethe amazwi angamawaka alishumi, ngalulwimi lumbi. Bazalwana, musani ukuba ngabantwana engqondweni; ebubini yibani ziintsana, engqondweni ke yibani ngabantu abakhulu.

KWABASEKORINTE I 14:1-20 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngoko ke langazelelani uthando, ningaziyeki phofu nezinye izipho zoMoya, ingakumbi isiphiwo sokushumayela. Yena othetha ngeelwimi, uthetha noThixo, akabhekisi mntwini, kuba akukho bani uyiqondayo le nto ayithethayo. Kaloku ngamandla kaMoya oyiNgcwele uthetha izinto ezibanqabeleyo abantu. Kodwa yena oshumayelayo uthetha nabantu; uyabakha, uyabakhuthaza ebathuthuzela. Lowo uthetha ngeelwimi, uzakha yena siqu; kodwa yena oshumayelayo wakha ibandla liphela. Bendingathandayo ukuba nithethe iilwimi xa ninonke, kodwa eyona nto ingaphezulu kukuba nibe nesiphiwo sokushumayela nonke. Lowo ushumayelayo ungaphezulu kwalowo uthetha ngeelwimi, ngaphandle kokuba lowo uthetha ngeelwimi uyatolikelwa, ukuze kwakheke ibandla liphela. Mawethu, kunganinceda ntoni ukuba ndithi xa ndifikile apho kuni ndithethe ngeelwimi? Nento le – ngaphandle kokuba ndiniphathele isityhilelo esivela kuThixo, ulwazi oluthile, okanye udaba olunefuthe likaMoya, kungenjalo imfundiso. Nasengomeni izinto ezinjengoomaxilongo noozikatala zikhala ngokwahlukeneyo. Okanye xa kungenjalo ngubani ongayilandelayo ingoma ukuba azikhali ngokucacileyo? Khona, ukuba ngaba umkhalisi-sigodlo akasikhalisanga ngokucacileyo, ngubani owoyixhobela imfazwe? Kwangaloo ndlela ke, loqondakala njani udaba eniluthethayo ngeelwimi xa ngaba alucacanga? Nakanjani na olu daba luya kuphephetheka nomoya! Nakuba kukho iilwimi ngeelwimi apha emhlabeni, akukho nalunye olungenantsingiselo. Ukuba ke andilwazi ulwimi oluthethwayo, lowo uluthethayo uya kuba yintlanga kum, nam ndibe yintlanga kuye. Njengokuba nikulangazelela nje ukuba nazo iziphiwo zoMoya, zamani ukubalasela kwezo zilakhayo ibandla. Umntu othetha ngeelwimi makathandazele ukufumana isiphiwo sokuzicacisa. Kuba xa ndithandaza ngeelwimi umoya wam uhamba nam, kodwa yona ingqiqo ayithathi nxaxheba. Mandithini ke? Mandithandaze ndawonye nomoya wam, kodwa ndithandaze ngengqiqo; mandimemelele ngomoya, futhi ndimemelele ngengqiqo. Ukuba udumisa uThixo usemoyeni, ke yena umntu nje okunye nawe, angatsho njani ukuthi: “*Amen,” kuloo mbulelo wakho? Akanandlela yakuthatha nxaxheba, kuba kaloku akeva. Nangona wona umthandazo wakho uvakala kuThixo, awuloncedo komnye umntu. Ndiyambulela uThixo kuba mna iilwimi ndizithetha ngaphezu kwenu nonke. Kodwa enkonzweni ndikhetha ukuthetha nokuba ngambalwa amazwi aqondakalayo, ukuze abanye bafunde, kunokuba ndenze umlembelele wento engaviwayo ndithetha iilwimi. Izimvo zenu mazingabi zezobuntwana, mawethu. Yibani ngabantwana kambe kwizinto eziphathelele ebubini, kodwa iingcinga zenu zona mazivuthwe.
KWABASEKORINTE I 14:1-20 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Phuthumani uthando olo, nibe kodwa nizizondelela izipho ezizezoMoya, ngokukodwa ke ukuba niprofete. Kaloku lowo uthetha ngalulwimi lumbi akathethi bantwini, uthetha kuThixo, kuba akukho namnye umvayo; kanti ke ngomoya uthetha iimfihlelo. Ke yena oprofetayo uthetha ebantwini ulwakheko, noyalo, nokhuzo. Lowo uthetha ngalulwimi lumbi uzakha yena; ke yena oprofetayo wakha ibandla. Ndiyathanda ke ukuba nithethe ngalwimi zimbi nonke, noko ke ndithanda ngokukodwa ukuba niprofete. Kuba yena oprofetayo mkhulu kunalowo uthetha ngalwimi zimbi, xa lo angayicacisiyo intetho, ukuze ibandla libe nokwakheka. Kunjalo ke, bazalwana, ukuba ndithe ndeza kuni, ndithetha ngalwimi zimbi, bendiya kuninceda ntoni na, xa ndingathanga ndithethe kuni ndinesityhilelo, ndinokwazi, ndinesiprofeto, ndinemfundiso? Khona kwizinto ezihlokomayo ezingenamphefumlo, ezinjengembande, nohadi, ukuba azithanga zahlule ukuhlokoma kwazo, bekungathiwani na ukwaziwa oko kubethwayo ngembande, noko kubethwayo ngohadi? Kuba kanjalo, xa ixilongo lithe lalila ngezwi elingaqondakaliyo, ngubani na owoyixhobela imfazwe? Ngokukwanjalo nani, ukuba anithanga nithethe ngalo ulwimi intetho eqondeka kakuhle, yothiwani na ukwaziwa into enithetha yona? kuba nothethela esibhakabhakeni. Nokuba zingaba sezingakanani na ukuba zininzi kwazo iintlobo zeentetho ehlabathini, akukho nalunye kuzo olungenanto luthetha yona. Ukuba ngoko andithanga ndiyazi intsingiselo yentetho, ndoba ngumbharbhari kothethayo, nothethayo woba ngumbharbhari kum. Ngokukwanjalo nani, ekubeni kaloku nizondelela izipho ezizezoMoya, zifuneleni ukuba nibe nazo ngokugqithiseleyo, ukuze lakheke ibandla. Ngenxa yoko ndithi, othethayo ngalwimi zimbi, makathandazele ukuba icace intetho yakhe. Kuba xa ndithandaza ngalulwimi lumbi, umoya wam uyathandaza okunene wona, ke yona ingqiqo yam ayinasiqhamo. Kuthini na ke ngoko? Ndiya kuthandaza ngomoya, ndithandaze nangengqiqo; ndiya kuvuma ngomoya, ndivume nangengqiqo. Okanye, ukuba uthe wasikelela ngomoya wodwa, wothini na lowo uhleliyo endaweni yongenakwazi ukuthi, Amen, ekubuleleni kwakho, ekubeni kaloku into oyithethayo engayazi? Kuba okunene wena uyatyapha ukubulela, kodwa onguwumbi akakheki. Ndiyabulela kuThixo wam, kuba ndithetha ngalwimi zimbi ngaphezu kwenu nonke; Kodwa ke ebandleni ndithanda ukuthetha amazwi abe mahlanu ngayo ingqiqo yam, ukuze ndibafundise nabanye, kunokuba ndithethe amazwi angamawaka alishumi, ngalulwimi lumbi. Bazalwana, musani ukuba ngabantwana engqondweni, ebubini yibani ziintsana, engqondweni ke yibani ngabantu abakhulu.
KWABASEKORINTE I 14:1-20 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
PUTUMANI utando; niti noko nizondelele izipiwo ezibumoya, kodwa ngokukulu ukuba niprofiteshe. Ngokuba otetayo ngenye inteto engateti ebantwini, koko eteta KUTIXO: ngokuba kungeko mntu omvayo; kodwa emoyeni uyaziteta imfihlakalo. Kodwa oprofiteshayo uyateta ebantwini okumisayo, nokuyalayo, nokututuzelayo. Otetayo ngenye inteto, uyazimisa yena; kodwa oprofiteshayo uyamisa iṙemente. Kekaloku nditanda ukuba nina nonke nitete ngezinye inteto, kodwa ngakumbi ukuba niprofiteshe: ngokuba emkulu lowo uprofiteshayo kulowo utetayo ngezinye inteto, ukuba kanti akakumshi, ukuze iṙemente yamkele ukumiswa. Kodwa kaloku, bazalwana! xeshekweni ndiza kuni nditeta ngezinye inteto, ndoninceda nto nina, xeshekweni ndingayi kuteta kuni mhlaumbi ekutyileni, mhlaumbi ekwazini, mhlaumbi ekuprofitesheni, mhlaumbi ekufundiseni? Kwa nezinto ezingenakudliwa kwobomi zisenza intlokoma, nokuba ngumlozi, nokuba luhadi, noko, xeshekweni zingenzi ukwahluka ekuhlokomeni, kwotiwa nina ukwaziwa oko kulozwayo umhlaumbi oko kubetwayo ngohadi? Ngokuba kanjako xeshekweni ixilongo liyenza intlokoma engavekiyo, ngubanina oya kuzilungisela ukulwa? Kwa njalo nani, xeshekweni ningawapimiseli ngolwimi amazwi aqondekayo, kwotiwa nina ukwaziwa oko kutetwayo? ngokuba niya kuba niteta ngasemoyeni. Kungaba kuko intlobo ezininzi kangaka zamazwi elizweni, nekungeko nalinye lazo elingenakuvakala. Xeshekweni ngoko ndingakwazi ukutsho kwelizwi, ndoba ngumsomi kulowo utetayo, naye otetayo woba ngumsomi kum. Kwa njalo nani, ekubeni nizondelele izipiwo ezibumoya, zifuneni ukuba nigqitisele kuze kube kukumiswa kweṙemente. Ngako oko otetayo ngenye inteto makatandaze ukuba akumshe. Ngokuba xeshekweni nditandaza ngenye inteto, umoya wam utandaza, kodwa ingqondo yam iputile. Yinto nina ngoko? Ndiya kutandaza ngomoya wam, kodwa ndiya kutandaza ngengqondo yam nayo: ndiya kucula ngomoya wam, kodwa ndiya kucula ngengqondo yam nayo. Okanye xeshekweni ubulelayo ngomoya, woti nina lowo uhleliyo endaweni yongenalufundo ukutsho ukuti Amene ekubuleleni kwako, into uyitetayo engayazi nje? Ngokuba wena okunene ulungisa ukubulela, koko yena omnye engamiswa. Ndiyabulela KUTIXO wam, ndinidlula nonke ngokuteta ngezinye inteto: noko entlanganisweni nditanda ukuba nditete amazwi abe mahlanu ngayo ingqondo yam, ukuze ndibafundise nabanye, ngapezu kwokuba nditete amazwi abe mawaka alishumi ngenye inteto. Bazalwana! ningabi ngabantwana ekuqondeni: noko elunyeni yibani njengentsana, kodwa ekuqondeni yibani ngabakulileyo.