KWABASEKORINTE I 11:24-25
KWABASEKORINTE I 11:24-25 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
yaza yakuba ibulele, yasiqhekeza, yathi, Thabathani, ndile, ngumzimba wam lo, owaphulelwa nina; oku kwenzeleni ukundikhumbula. Kwangokunjalo yathabatha nayo indebe, emva kokuba kudliwe, isithi, Le ndebe ingumnqophiso omtsha osegazini lam; ngamaxesha onke enisukuba niyisela, oku kwenzeleni ukundikhumbula.

KWABASEKORINTE I 11:24-25 IBHAYIBHILE (XHO96)
yabulela yasiqhekeza, yathi: “Ngumzimba wam lo; thathani. Ze nenjenje ke ukundikhumbula.” Kwangokunjalo yayithatha nayo indebe emva kokuba kutyiwe, yathi: “Le ndebe ingumnqophiso omtsha osungulwa ngokuphalala kwegazi lam. Ngamaxesha onke niyisela mayinikhumbuze ngam.”
KWABASEKORINTE I 11:24-25 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
yaza yakuba ibulele, yasiqhekeza, yathi, Thabathani, nidle, ngumzimba wam lo, owaphulelwa nina; oku kwenzeleni ukundikhumbula. Kwangokunjalo yathabatha nayo indebe, emva kokuba kudliwe, isithi, Le ndebe ingumnqophiso omtsha osegazini lam; ngamaxesha onke enisukuba niyisela, oku kwenzeleni ukundikhumbula.
KWABASEKORINTE I 11:24-25 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
yaza yakuba ibulele yaqezula, yati: Tabatani, nitye; esi singumzimba wam, owapulelwa nina; kwenzeni oku kube kukukunjulwa kwam. Ngokunjalo yatabata nendebe, emveni kwokuba kudliwe, isiti: Lendebe ilucebano olutsha egazini lam; kwenzeni oku, onke amaxesha enisukuba niyisela, kube kukukunjulwa kwam.