Musani ukwala ukwenza okulungileyo kwabafaneleyo, ukuba kusemandleni enu ukukwenza. Musa ukuthi kummelwane wakho, Hamba, ubuye, ndokunika ngomso; xa unayo. Uze ungacebi ububi ngommelwane wakho, ngokuba yena uhleli nawe enoxolo. Musa ukubambana nomntu kungekho sizathu, ukuba akonanga; Musa ukuyimonela indoda egonyamelayo, Unganyuli nanye yeendlela zayo; Kuba ongendawo ulisikizi kuYehova; Ke lunabathe tye ucweyo lwakhe. Ingqalekiso kaYehova isendlwini yongendawo; kodwa isakhiwo samalungisa uyayisikelela. Ewe, uyabagxeka abagxeki, kodwa unenceba kwabalulamileyo. Izilumko ziya kuludla ilifa uzuko
Funda iMizekeliso 3
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: iMizekeliso 3:27-35
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo