Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

iMizekeliso 12:19-28

iMizekeliso 12:19-28 CXB24

Umlomo wenyaniso umi ngonaphakade; Ke lona ulwimi oluxokayo lolwephanyazo. Inkohliso isentliziyweni yabayila ububi; Ke bona abacebi boxolo bayavuya. Ilungisa aliqubisani nobubi; Ke bona abangendawo bazala bububi. Ilisikizi kuYehova umlomo oxokayo, kodwa abo benza ngenyaniso ukholekile kuye. Isilumko sikufihla ukwazi; Intliziyo yesinyabi ivakalisa ukumatha. Isandla sabasebenzayo siya kulawula, ke sona ivila liya kohlwaywa. Imbandezelo entliziyweni yendoda iyenza igobe; Liyayivuyisa ilizwi elihle. Ilungisa ligqithisela ummelwane walo ngobuhle; Ke indlela yabangendawo iyamlahlekisa. Ikhoboka aliyi kubanjiswa lizingela, kodwa impahla yomntu okhutheleyo ixabisekile. Busemendweni wobulungisa ubomi; kwaye akukho kufa emendweni wakho.