uLuka 23:39-56

uLuka 23:39-56 CXB24

Ke kaloku, omnye wabenzi bobubi ababexhonyiwe wayemnyelisa, esithi, Ukuba wena unguye uKristu, zisindise, nathi usisindise. Waphendula ke omnye wamkhalimela, esithi, Akumoyiki na wena uThixo, ukwakoku kugwetywa nje? Thina ke okunene sigwetywe ngobulungisa; kuba thina samkela umvuzo wemisebenzi yethu; kodwa yena lo akenzanga nto ingendawo. Wathi kuYesu, Uze undikhumbule, Nkosi, xa uthe weza usebukumkanini bakho. uYesu wathi kuye, Inene, ndithi kuwe, Namhlanje uya kuba nam eParadisi. Ke kaloku, kwakumalunga nelixa lesithandathu, kwaza kwakho ubumnyama phezu kwawo umhlaba uphela, kwada kwalilixa lesithoba. Laba mnyama ilanga, lasuka ikhuselo lengcwele lakrazuka kubini. Wadanduluka ngezwi elikhulu uYesu, wathi, Bawo, ndiyawunikela ezandleni zakho umoya wam. Akuba etshilo, waphuma umphefumlo. Ke kaloku umthetheli-khulu, akukubona okuhlileyo, wazukisa uThixo, esithi, Inene, lo mntu ubelilungisa. Zathi zonke izihlwele ezabe zibuthelene kuloo mbonelo, zakukubona okuhlileyo, zabuya zibetha izifuba zazo. Baye ke bonke abazana naye bemi kude, kwanabafazi ababelandelene naye, bevela kwelaseGalili, bezikhangela ezi zinto. Kwabonakala kukho indoda egama linguYosefu, iphakathi; waye eyindoda elungileyo, elilungisa; Yena waye engavumelananga necebo labo, nesenzo sabo; wayengowaseArimati, umzi wamaYuda, owayebulindile naye ubukumkani bukaThixo; eyathi yona yeza kuPilato, yawucela umzimba kaYesu. Yawuthula, yawusongela kwilinen entle; yawubeka engcwabeni elixholwe etyeni, ekungazanga kulale bani kulo. Ke kaloku loo mhla wawungowokulungiselela, nesabatha ibisondele. Kwathi nabafazi ababehamba naye, bevela kwelaseGalili, balikhangela ingcwaba, nokubekwa komzimba wakhe. Babuya ke, balungisa ubulawu namafutha aqholiweyo. Baphumla ngomhla wesabatha ngokomthetho.