Kwathi ngenye imini, akubon’ ukuba uyabafundisa abantu etempileni, eshumayela iindaba ezilungileyo, wafikelwa ngababingeleli abakhulu nababhali, namadoda amakhulu. Bathetha kuye besithi, Sixelele; uzenza ngagunya lini na ezi zinto? Ngubani na ke okunike eli gunya? Waphendula ke wathi kubo, Nam ndiya kubuza kuni zwi-nye; kwaye undiphendule: Ubhaptizo lukaYohane lwaluphuma emazulwini, lwaluphuma ebantwini, sini na? Bacamanga ke bona bodwa, besithi, Ukuba sithe, Lwaluphuma emazulwini; Wothi, Ibiyini na phofu ukuba ningakholwa nguye? Ukuba ke sithe, Lwaphuma ebantwini; bonke abantu bosigibisela ngamatye; kuba beyisekile ukuba uYohane ubengumprofeti. Baphendula ngokuthi, abazi ukuba luvela phi na. Wathi ke uYesu kubo, Nam ke andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto. Waza waqala wathetha ebantwini lo mzekeliso; Ubani watyala isidiliya, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye ilizwe umzuzu owaneleyo. Wathi ngelo xesha, wathuma umkhonzi kubalimi, ukuba bamnike esiqhameni sesidiliya; ke bona abalimi bamtyabula, bamndulula elambatha. Wabuya wathuma omnye umkhonzi. Bamtyabula ke nalowo, bamhlazisa, bamndulula elambatha. Waphinda wathuma nowesithathu; naye lowo bamngxwelerha, bamkhuphela ngaphandle. Uthe ke umninisidiliya, Ndiya kuthini na? Ndiya kuthuma unyana wam oyintanda; mhlawumbi bomhlonela yena. Bathe ke bakumbona abalimi, bacamanga bodwa, besithi, Yindlalifa le; yizani, siyibulale, ukuze ilifa libe lelethu. Bamkhuphela ngaphandle kwesidiliya, bambulala. Uya kuthini na ke ngoko kubo umninisidiliya? Uya kufika abatshabalalise abo balimi, asinikele bambi isidiliya eso. Bakuva ke bona, bathi, Makube lee! Wondela ke kubo, wathi, Yintoni na phofu le ibhaliweyo: Ilitye abalicekisayo abakhi, Lelona laba yintloko yembombo? Bonke abathe bawa phezu kweli litye, botyumka; ke lowo lithe lamwela liya kumcola. Baza ababingeleli abakhulu nababhali bafuna ukumsa izandla ngelo lixa; basuka boyika abantu, kuba baqonda ukuba uwuthethe ngabo lo mzekeliso. Bamcupha ke, bathuma iintlola ezizenza amalungisa, ukuze zimbambise ngokuthetha, ukuze bamnikele kurhuluneli nakwigunya lerhuluneli. Zambuza ke zisithi, Mfundisi, siyazi ukuba uthetha ufundise ngobulungisa, ungakhethi buso bamntu, usuka ufundise indlela kaThixo ngenyaniso. Kuvumelekile na ukuba simnike irhafu uKesare, akuvumelekile, sini na? Ebuqondile kakuhle ubuqhetseba bazo, wathi kuzo, Nindilingelani na? Ndiboniseni idenariyo. Inomfanekiso nombhalo kabani na? Baphendula bathi, NgokaKesare. Uthe ke kubo, Nikelani kaloku izinto zikaKesare kuKesare, nezinto zikaThixo kuThixo. Ababa nako ukumbamba amazwi akhe phambi kwabantu; bamangaliswa yimpendulo yakhe; bathi cwaka.