uYohane 2:1-11

uYohane 2:1-11 CXB24

Kwathi ngomhla wesithathu kwabakho umsitho eKana yelaseGalili; waye unina kaYesu ekhona. Wamenyelwa ke noYesu kwanabafundi bakhe emsithweni lowo. Yakuphela iwayini, wathi unina kaYesu kuye, Abanawayini. Uthi uYesu kuye, Yintoni na enam nawe, mfazi? ilixa lam alikafiki. Athi unina kubalungiseleli, Asukuba ekuthetha kuni, kwenzeni. Kwakumi khona ke imiphanda yamatye imithandathu, ngokwentlambululo yamaYuda, engena ngaminye iibhate ezimbini nantathu. Athi kubo uYesu, Yizaliseni imiphanda ngamanzi. Bazizalisa zada zafikelela eludinini. Athi kubo, Yikhani ngoku, nise kwinjoli. Bayithwala ke. Ke kaloku, yakuweva injoli amanzi abenziwe iwayini, engayazi nalapho ivela khona; Yathi kuye, Wonke umntu ubeka kuqala iwayini emnandi, aze akhuphe iwayini emnandi; 22 Xa bathe basela bakholisa, andule ukubeka enganeno kwaleyo; wena uyibandezile iwayini emnandi, kwada kwangoku. Lo mqondiso wakhe wokuqala uYesu wawenza eKana yelaseGalili, walubonakalalisa uzuko lwakhe; bakholwa kuye abafundi bakhe.