kwakubon’ ukuba uYohane uvakalise tanci, phambi kokungena kwakhe, ubhaptizo loguquko kubo bonke abantu bakwaSirayeli. Xa ke uYohane ebesekulufezeni uhambo lwakhe, ubesithi, Nithi nina ndingubani na? Andinguye. Kodwa, yabonani, uyeza emva kwam, endingafanelekileyo mna ukuba ndizithukulule iimbadada ezinyaweni zakhe. Madoda, bazalwana, nyana bomlibo wakwa-Abraham, nabo phakathi kwenu bamoyikayo uThixo, ilizwi lolu lusindiso lathunyelwa kuni. Kuba abo bemiyo eYerusalem, nabaphathi babo, bengamazanga lowo, kwanamazwi abaprofeti aleswayo iisabatha ngeesabatha zonke, bawazalisa ngokumgweba; bathi, bengafumananga nalinye ityala lokufa, bacela kuPilato ukuba asikwe. Xa ke babezifezile zonke izinto ezibhaliweyo ngaye, bamthula emthini, bambeka engcwabeni. Kodwa uThixo wamvusa kwabafileyo. Yena lowo wabonwa imihla emininzi ngabo babenyuke naye, bevela kwelaseGalili besiya eYerusalem; ngabo ke abangamangqina akhe ebantwini. Nathi ke sinishumayeza iindaba ezilungileyo zokuba idinga elo labakho koobawo, zokokuba uThixo ulizalisile lona kuthi, bantwana babo, ngokumvusa uYesu; njengokuba nakwiNdumiso yesibini kubhaliwe kwathiwa, UnguNyana wam wena, Mna ndikuzele namhla. Malunga ke nokumvusa kwakhe kwabafileyo, angabi sabuyela ekuboleni, uselethe ukuthetha, Ndiya kuninika iinceba eziqinisekileyo zikaDavide. Kungoko athi nakwenye iNdumiso, Akuyi kumyekela oyiNgcwele wakho ukuba abone ukubola. Kuba uDavide okunene, akuba elisebenzele kwesakhe isizukulwana icebo likaThixo, walala ubuthongo, wabekwa kooyise, wakubona ukubola; Ke yena owavuswayo nguThixo, akabonanga kubola. Makwazeke ngoko kuni, madoda, bazalwana, ukuba ngaye lowo kuxelwa kuni uxolelo lwezono; nakuzo zonke izinto ebeningenako ukugwetyelwa nikhululeke kuzo ngomthetho kaMoses, bonke abakholwayo bayagwetyelwa ngaye yena lowo. Lumkani ke, ningafikelwa koko kwathethwa ngako ebaprofetini. Khangelani, nina badeli, nimangaliswe, nitshabalale; ngokuba mna ndisebenza umsebenzi ngemihla yenu, Umsebenzi eningasayi kukholwa kuwo, nokuba kukho othi anicacisele. Ke kaloku, akubon’ ukuba ayaphuma amaYuda endlwini yesikhungu, babongoza abeentlanga, ukuba la mazwi athethwe kubo ngesabatha ezayo. Sakubon’ ukuba ke sichithakele isikhungu, into eninzi yamaYuda neyabangene ebuYudeni, abamhlonelayo uThixo, yabalandela ooPawulos noBharnabhas; Kuthe ke ngelandelayo isabatha, waphantsa ukuhlanganisana umzi wonke, ukuba ulive ilizwi likaThixo. Athe ke amaYuda, akuzibona izihlwele, azala ngumona, aziphika izinto ezibe zithethwa nguPawulos, aphika enyelisa. Bathetha ke ngokungafihlisiyo uPawulos noBharnabhas, bathi, Bekufanele ukuba lithethwe kuni kuqala ilizwi likaThixo; ekubeni ke nina nililahlile, nazigweba ukuba anibufanele ubomi obungunaphakade, niyabona, sibheka kuzo iintlanga. Kuba isiwisele umthetho ngokunjalo iNkosi, yathi, Ndikubekile ukuba ube lukhanyiselo lweentlanga, ukuze ube ngowosindiso, kude kuse ekupheleni kwehlabathi. Zakuva ke oko iintlanga, zavuya, zalizukisa ilizwi leNkosi, bakholwa bonke ababemiselwe ubomi obungunaphakade. Laye ke ilizwi leNkosi lihanjiswa kulo lonke ilizwe elo. Ke kaloku amaYuda abaxhokonxa abafazi ababehlonela uThixo, ababekekileyo, ababekekileyo, nabaninimzi; abaxhoxhela intshutshiso ooPawulos noBharnabhas, abakhupha emideni yawo. Bathe ke bona bawavuthululela uthuli lweenyawo zabo, beza eIkoniyo. Baye ke abafundi bezaliswe luvuyo nanguMoya oyiNgcwele.