KwabaseKorinte 1 5:6-8

KwabaseKorinte 1 5:6-8 CXB24

Iqhayiya lenu alilungile. Anazi na, ukuba igwele elincinane liyayibilisa intlama iphela? Likhupheni ngoko kuthi tu igwele elidala, ukuze nibe yintlama entsha, ekubeni ningabangenagwele. Kuba ipasika yethu ubingelelwe thina nguKristu; Ngoko ke masiyenze umthendeleko, kungengagwele elidala, negwele lobubi, nelokungendawo; kodwa ngezonka ezingenagwele zokunyaniseka nenyaniso.