Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Filipi 3:3-9

Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Filipi 3:3-9 XHO1902A

Ngokuba tina singabalwaluko, esiti sikonze UTIXO ngomoya, sivuyelele ku‐Kristu Yesu, singatembeli enyameni; nangona bendingaba nesitembelo kanti nasenyameni. Ukuba kuko omnye umntu oba unako ukutembela enyameni, ndigqitisile mna; ndingowalukileyo ngomhla wesibozo, ndingowaseluhlangeni luka‐Sirayeli, ndingowesizwe sika‐Benjamine, um‐Hebere kuma‐Hebere; ngokwomteto ndingum‐Farisi; ngokwozondelelo nditshutshisa iṙemente; ngokwobulungisa obusemtetweni ndihleli ndingenatyala. Kuloko ezonto ezibe ziyinzuzo kum, zona ezi ndizibalile ngenxa ka‐Kristu ukuba zisisilahleko. Hai gxebe okunene nditi kanjalo ndizibala zonke ukuba zisisilahleko ngenxa yendluliselo yokwaziwa kuka‐Kristu Yesu INKOSI yam; endalahlekelwa zizinto zonke ngenxa yake, nendizibala ukuba ziyinkunkuma, ukuze ndizuze u‐Kristu, ndifunyanwe kwa kuye, ndingenabo obam ubulungisa obuvela emtetweni, koko ndinabo bona obungalo ukolo luka‐Kristu, kwa ubulungisa obuvela KUTIXO ngokolo olo