Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Ivangeli ka‐Maraki 8:22-38

Ivangeli ka‐Maraki 8:22-38 XHO1902A

Weza kekaloku e‐Betesayida: baza bazisa kuye imfama, bambongoza ukuba makayicu̔kumise. Waza wabamba isandla semfama, wayitundezela ngapandle kwomzi: wati kanjalo watshicela emehlweni ayo, wabeka izandla pezu kwayo, wayibuza ukuba kuko na into iyibonayo. Yakangela pezulu ke yati: Ndiyabona abantu, endibabonayo njengemiti behamba. Wandula wabuya wabeka izandla pezu kwamehlo ayo, wayikangelisa pezulu; yaza yabuya yenziwa njengapambili, yababona kwa bonke ngokumhlope. Waza wayituma iye endlwini yayo, esiti: Ungangeni emzini ke, ungaxeleli mntu emzini kanjako. Kekaloku wapuma u‐Yesu nabadisipile bake baya emizini yase‐Kesareya‐filipi: waza wati endleleni wabuza kubadisipile bake, esiti kubo: Ngubanina abati abantu ndinguye? Bapendula ke, besiti: Kutwa ngu‐Johane umbapitizeshi; bati nabanye ngu‐Elija; bati kodwa abanye ngowabaprofite. Waza yena wati kubo: Kodwa ngubanina eniti nina ndinguye? Wapendula u‐Petrosi wati kuye: Wena unguye u‐Kristu. Waza wabayala kakulu ukuba mabangaxeleli mntu ngaye. Wandula waqala ukubafundisa okokuba unyana wesintu ufanele ukuva intlungu ezininzi, nokulahlwa ngabo abadala nabaperisite abakulu nababa̔li, nokubulawa, nokuti emveni kwemihla mitatu abuye avuke. Kekaloku ebeteta esositeto ekuhleni. Waza u‐Petrosi wamtabatela kuye waqala ukumtetisa. Koko ejikile ke, wakangela abadisipile bake, wamtetisa u‐Petrosi, esiti: Yiya emva kwam, Satane! ngokuba unganyamekeli izinto ZIKATIXO, unyamekela izinto zabantu nje. Waza wabiza isihlwele kwa nabadisipile bake, wati kubo: Osukuba efuna ukuza emva kwam, makazikanyeze, apate ikuruse yake, andilandele. Ngokuba lowo usukuba efuna ukulondoloza ubomi bake, buya kumlahleka; nosukuba elahlekana nobomi bake ngenxa yam nangenxa yevangeli, oyena wobulondoloza. Ngokuba kuya kunceda nto nina umntu, ukuba walizuza ilizwe lonke, waza walahlekelwa ngumpefumlo wake? kanjalo uya kunika nto nina umntu ibe lixabiso elilingana nawo umpefumlo wake? Ngokuba lowo usukuba enentloni ngam nangamazwi am kwesisizukulwana esibuṙexeza nesonayo, woti nonyana wesintu abe nentloni ngaye, akuza ebungcwaliseni BOYISE kunye nengelosi ezingcwele.