Baza bati kwa oko, bakuba bepumile endlwini yentlanganiso, bangena endlwini ka‐Simone no‐Andreya, kunye no‐Yakobi no‐Johane. Kekaloku umkwekazi ka‐Simone ebelele, esifa licesine; baza basebemxelela ngaye. Wayesiza wabamba isandla sake, wamsukisa; lamyeka icesine kwa oko, wabakonza ke. Kwati kwakuhlwa, lakutshona ilanga, bazisa kuye bonke abafayo nabangenelwa zidemoni. Saye isixeko sonke sibe sibutelene ngasemnyango. Waza wabapilisa abaninzi ababesifa zizifo ngezifo; nedemoni ezininzi waziku̔pa, engazivumeli ke ukuba zitete idemoni, ngokuba zibe zimazi yena. Waza wati kwakuza kusa, wavuka kusesebusuku kanye, wapuma, wemka waya endaweni elubala, watandaza kona apo. Baza bamputuma u‐Simone nabo babenaye. Bemfumene ke, bati kuye: Bonke bayakufuna. Wayesiti kubo: Masihambe siye ezinqilini ezikufupi, ndize ndishumayele nakona; ngokuba ndivelele oku.
Funda Ivangeli ka‐Maraki 1
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: Ivangeli ka‐Maraki 1:29-38
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo