Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Ivangeli ka‐Mateyu 6:9-13

Ivangeli ka‐Mateyu 6:9-13 XHO1902A

Ngako tandazani nina ngokunje, niti: Bawo wetu osezulwini! Malipatwe ngobungcwele igama lako. Ubukumkani bako mabufike. Intando yako mayenziwe emhlabeni, njengokuba isenziwa ezulwini. Sipe namhla nje ukutya kwetu kwemihla ngemihla. Usixolele izono zetu, njengokuba nati sixolela abo basonayo tina. Ungasingenisi ekulingweni, zusisindise enkohlakalweni. Ngokuba bubobako ubukumkani, namandla, nobungcwalisa, kude kube ngunapakade. Amene.