Ivangeli ka‐Luke 23:39-56

Ivangeli ka‐Luke 23:39-56 XHO1902A

Wati kekaloku omnye wabenzi benkohlakalo abebexo̔nyiwe wamgxeka, esiti: Ukuba wena unguye u‐Kristu, zisindise nati. Kodwa wapendula omnye wamtetisa, esiti: Akumoyiki UTIXO nawe na, ukwa koku kona ukugwetywa nje? Nati okunene sikuko ngokulungileyo; ngokuba sikwamkele okuyelelana nezinto esazenzayo; kodwa lo akenza nto esisono. Waza wati ku‐Yesu: Ndikumbule, Nkosi! xeshekweni uzayo ebukumkanini bako. Waza u‐Yesu wati kuye: Ngokwenene nditi kuwe: Namhla nje uya kubako nam eparadisi. Yanga yayiyure yesitandatu, kwaza kwabako ubumnyama pezu kwalo lonke ilizwe yada yayiyure yesitoba. Lenziwa mnyama nelanga; kanjalo ikuselo lendawo eyingcwele laṙazulwa pakati. Waza wadanduluka ngelizwi elikulu u‐Yesu, wati: Bawo! ndiyanikela umoya wam ezandleni zako. Wati akuba ebetshilo waqauka umpefumlo. Kekaloku inkosikulu yakubona into eyenzekileyo, yadumisa UTIXO, isiti: Ngokwenyaniso umntu lo ebengolungileyo. Bati nabantu bonke abebebutanele lombonelo, bebona izinto ezenzekileyo, babuya bebeta izifuba zabo. Bebemi nabo bonke babesazana naye bekude, kwa nabafazi abebempelekile evela e‐Galili, bekangela ezizinto. Kekaloku bona ke, indoda egama lingu‐Josefe, ingumpakati, indoda elungileyo nenobulungisa, (yona le ibingavumelene necebo lamanye nesenzo sawo,) eyase‐Arimateya isixeko sama‐Juda, nebilinda ubukumkani BUKATIXO nayo, yona le yeza ku‐Pilati, yacela umzimba ka‐Yesu. Yaza yawutula, yawusongela eqiyeni, yawubeka encw̔abeni elimbelweyo eweni, apo kwaye kungazanga kulale mntu kona. Lomhla ubungowokulungiselela, nesabata ibisondela. Bati kekaloku nabafazi, abo bebezile naye bepuma e‐Galili, balandela, babona incw̔aba, nokuba kwatiwa nina ukubeka umzimba wake. Babuya ke, balungisa izimnandi namafuta emore; baza bapumla ngesabata njengokwomyalelo.