Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Ivangeli ka‐Luke 10:38-42

Ivangeli ka‐Luke 10:38-42 XHO1902A

Kwaye kute ekuhambeni kwabo, wati yena wangena emzini otile; waza umfazi otile, ogama lingu‐Marita, wamamkela endlwini yake. Wabe lo enaye udade obizwa ngo‐Mariya, obesiti yena, ehleli ngasezinyaweni zika‐Yesu, wapulapula ilizwi lake. Kodwa u‐Marita waebideka ngokukonza okukulu; waza wema kufupi wati: Nkosi! akukatali na kukuba udade wam undiyekelele ndikonze ndedwa? mxelele ngoko ukuba andincede. Koko wapendula u‐Yesu wati kuye: Marita, Marita! unesitukutezi nesipitipiti ngezinto ezininzi; kodwa inye into eswelekayo; no‐Mariya usiqashile esosabiwo silungileyo, esingayi kususwa kuye.