XESHEKWENI ngoko yabisazi INKOSI ukuba abafarisi beva kusitwa u‐Yesu ugqitisile u‐Johane ngokwenza nangokubapitizesha abadisipile, (nangona bekungengu‐Yesu ngokwake obebapitizesha, bekungabadisipile bake,) washiya i‐Judeya, wabuya wemkela e‐Galili. Ebefanele ukuti ke acande i‐Samariya.
Weza kufika ngoko esixekweni sase‐Samariya esi‐kutiwa yi‐Sikare, kufupi nesahlulo somhlaba esanikwayo ngu‐Yakobi kunyana wake u‐Josefe. Kekaloku umtombo ka‐Yakobi ubukona. U‐Yesu ngoko, ediniwe ngokuhamba kwake, ebehleli njalo ngasemtonjeni. Ibiyiyure yanga yeyesitandatu.
Weza umfazi wase‐Samariya ukuza kuka̔ amanzi. Wati u‐Yesu kuye: Ndipe ndisele. (Ngokuba abadisipile bake bebemkile ukuya esixekweni, ukuze batenge ukutya.) Wandula wati umfazi wase‐Samariya kuye: Yinina ukuba wena ungum‐Juda nje ucele ukusela kum, ondingum‐Samariyakazi? (Ngokuba ama‐Juda engadlelani nama‐Samariya.)
Wapendula u‐Yesu wati kuye: Ukuba ubusazi isipo SIKATIXO, nokuba ungubanina oti kuwe: Ndipe ndisele; unga ucele kuye, waye enga ete yena wakupa amanzi apilileyo. Wati umfazi kuye: Nkosi! akunanto yokuka̔ ngayo; kanjalo iqula linzulu: uwazuza pina ngoko lamanzi apilileyo? umkulu wena kubawo wetu u‐Yakobi na, owasipa eliqula, wasela kulo yena ngokwake, nosapo lwake, nenkomo zake?
Wapendula u‐Yesu wati kuye: Osukuba esela kuwo amanzi la, wobuya anxanwe: kodwa lowo usukuba esela kulomanzi aya kuwapiwa ndim, akasayi kuza anxanwe napakade; koko lomanzi endiya kumpa wona, oba pakati kwake engumtombo wamanzi empompozela ebomini obungunapakade. Wati umfazi kuye: Nkosi! ndipe lamanzi, ukuze ndinganxanwa, ndingezi nokuza apa ukuka̔.
Wati u‐Yesu kuye: Hamba, biza indoda yako, uze apa. Wapendula umfazi wati: Andinandoda.
Wati u‐Yesu kuye: Ulungisile ukuti: Andinandoda: ngokuba ubunamadoda amahlanu; nangoku leyo unayo ayiyindoda yako: unyanisile ukutsho oko. Wati umfazi kuye: Nkosi! ndiyabona ukuba ungumprofite. Obawo betu babedesha kulentaba; nani niti ise‐Yerusaleme indawo apo kufanele ukubedesha kona.
Wati u‐Yesu kuye: Mfazi! kolwa ndim, ukuba ixeshana liyeza, xeshekweni ningayi kuti nakulentaba nase‐Yerusaleme nimbedeshe UYISE. Nina niyabedesha eningakwaziyo: tina siyabedesha esikwaziyo; ngokuba usindiso luvela kuma‐Juda. Koko ixeshana lisiza, ewe liko ngoku, xeshekweni ababedeshi abayinyaniso baya kumbedesha UYISE ngomoya nangenyaniso: ngokuba NOYISE efuna ukuba abambedeshayo babe ngabanjalo. UTIXO UNGUMOYA; nabo bambedeshayo, bafanele ukubedesha ngomoya nangenyaniso.
Wati umfazi kuye: Ndiyazi ukuba u‐Mesiya uyeza; (o‐kutiwa ngu‐Kristu;) xeshekweni kufika lowo, wosishumayeza into zonke. Wati u‐Yesu kuye: Mna nditetayo kuwe ndinguye.
Bati pezu kwoku bafika abadisipile bake, bati nqa ukuba ebeteta nomfazi: kodwa noko bekungeko owatshoyo ukuti: Ufuna nto nina? umhlaumbi ukuti: Yinina ukuba utete naye?
Wandula umfazi washiya umpanda wake, wemka waya esixekweni, wati ebantwini: Yizani, nibone umntu, owandixelelayo zonke izinto endike ndazenza: lo unguye u‐Kristu na? Bandula bapuma esixekweni, beza ukuza kuye.