KWAZA ngomhla wesitatu kwabako umtshato e‐Kana yase‐Galili; waye unina ka‐Yesu ebekona. Kwamenywa no‐Yesu, nabadisipile bake, ukuza emtshatweni. Kwati kwakupela iveyine, wati unina ka‐Yesu kuye: Abanaveyine. Wati u‐Yesu kuye: Ndiyinto nina kuwe, Mfazi? alikafiki ixeshana lam. Wati unina kubakonzi: Into asukuba eyitsho kuni, yenzeni. Kwaye kumi kona imipanda yelitye mitandatu, ngesiko lokuhlambulula kwama‐Juda, ibamba ngeminye ibate zimbini umhlaumbi zintatu. Wati u‐Yesu kubo: Zalisani imipanda ngamanzi. Bayizalisa ke kwada kwakuwo umpeto. Waza wati kubo: Tululani kaloku, nitwalele kumpati womtendeleko. Batwala ke. Kekaloku nxa umpati womtendeleko ebevile lomanzi abenzwe iveyine, engazi ukuba ivela pina; (kodwa bebesazi abakonzi abebetulule amanzi:) umpati womtendeleko wambiza umyeni, wati kuye: Bonke abantu bayabeka iveyine elungileyo kuqala; bati xeshekweni kukolisile ukuselwa, bandule babeke leyo imbi kuyo: wena uyigcinile iveyine elungileyo kwada kwakaloku. Oku ukuqala kwemimangaliso yake wakwenza u‐Yesu e‐Kana yase‐Galili, wabonakalisa ubungewalisa bake; baza bakolwa kuye abadisipile bake.
Funda Ivangeli ka‐Johane 2
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: Ivangeli ka‐Johane 2:1-11
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo