I‐Genesise 3:1-15

I‐Genesise 3:1-15 XHO1902A

KEKALOKU inyoka ibinamaqokolo ngapezu kwazo zonke izilo zasendle, abezenzile UYEHOVA UTIXO. Yada yati emfazini: Kanene utshilo na UTIXO ukuti: Aniyi kutya kuyo yonke imiti yalomyezo? Waza wati umfazi enyokeni: Singatya kuso isiqa̔mo semiti yalomyezo; kanti isiqa̔mo somti opakati emyezweni, utshilo UTIXO ukuti: Ningatyi kuso, ningabi nakusicukumisa kanjalo, hleze nife. Yandula yati inyoka emfazini: Aniyi kufa ngokufa; ngokuba esazi UTIXO, okokuba noti, mhlana nitya kuso, nandule nigabuke amehlo enu, naniya kuba NJENGOTIXO, nikwazi nje okulungileyo nokukohlakeleyo. Wati akubona umfazi ukuba umti lowo umnandi ukutyiwa, nokuba utandeka emehlweni, kwa umti onokukanukwa ukulumkisa, wandula watabata kwisiqa̔mo sawo, watya ke; wanika nendoda yake kunye naye, eyatya nayo. Andula ukugatyulwa amehlo abo bobabini, baqonda ukuba bazé; bati ngoko batungelanisa amagqabi omkiwane, bazenzela imibinqo. Kwaye kute ekubeteni kwempepo, baliva ilizwi LIKAYEHOVA UTIXO, ehamba emyezweni: baza u‐Adame nomfazi wake bazimela ubuso BUKAYEHOVA UTIXO, pakati kwemiti yomyezo. Waye UYEHOVA UTIXO embiza u‐Adame, wati kuye: Upina? Wati yena: Ilizwi lako ndaliva emyezweni, ndaza ndoyika, ngokuba ndizé; ndazimela ngoko. Wayesiti: Utyelwe ngubanina ukuba uzé? Utyile na kulomti endandikuyalela ngawo ukuba ungatyi kuwo? Wati u‐Adame: Umfazi, lo ubumnika abe nam, nguye owandinika kulomti, ndide ndatya. Waza UYEHOVA UTIXO wati emfazini: Kuyinto nina oku ukwenzileyo? Wati umfazi: Inyoka yandikohlisa, ndaza ndatya. Wandul’ ukuti UYEHOVA UTIXO enyokeni: Ngokokuba ukwenzile oku, uqalekisiwe wena pezu kwazo zonke inkomo, napezu kwazo zonke izilo zasendle; uya kuhamba ngesisu, utye utuli yonke imihla yokudla kwako ubomi: ndandiya kumisa ubutshaba pakati kwako nomfazi, napakati kwenzalo yako nenzalo yake; iya kukutyumza intloko yona, uti wena uyityumze isitende.