I‐Kesodusi 19:1-6

I‐Kesodusi 19:1-6 XHO1902A

EKUTWASENI kwenyanga yesitatu emveni kwokupuma kwalo usapo luka‐Sirayeli elizweni le‐Jipete, kwa ngalomini lwafika entlango ye‐Sinai. Ngokuba belundulukile e‐Refidime, lwafika entlango ye‐Sinai, lwati waca entlango; kwa lapo ke bati waca o‐Sirayeli ngapambi kwentaba. Wasuka u‐Mosesi wenyukela KUTIXO; waza UYEHOVA wambiza esentabeni, esiti: Uya kutsho kwindlu ka‐Yakobi, uxele elusatsheni luka‐Sirayeli, ukuti: Nibonile oko ndakwenzayo kuma‐Jipete, nokokuba ndanitwala emapikweni okozi, ndanizisa kwa kum. Ngako kaloku, ukuba niya kukutala ukuliva ilizwi lam, nilugcine ucebano lwam, noba yinto enqabileyo kum pezu kwazo zonke intlanga; ngokuba wonke umhlaba ungowam: naniya kuba bubukumkani babaperisite kum, nesizwe esingcwele. Ngawo la amazwi oya kuteta wona elusatsheni luka‐Sirayeli.