Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Izenzo zabapostile 13:24-52

Izenzo zabapostile 13:24-52 XHO1902A

akuba u‐Johane ebeshumayele pambili ubapitizesho lwoguquko kubo bonke abantu bakwa‐Sirayeli, engekafiki yena. Naxeshekweni u‐Johane ebegqibela uhambo lwake, wayesiti: Nizindla ukuba ndingubanina? andinguye; koko, bona ke, kusiza emva kwam ozihlangu zenyawo ndingafanele mna ukuzitukulula. Madoda, bazalwana, lusapo lwesizalwane sika‐Abrahame, nabo pakati kwenu abamoyikayo UTIXO! litunyiwe kuni ilizwi losindiso olu. Ngokuba abo bemiyo e‐Yerusaleme, nabapati babo, bengamazanga yena lowo, nawo amazwi abaprofite, aleseshwayo ngesabata zonke, bawazalisekisile ngokumgweba. Kanjako bakuba bengafumananga tyala elibang’ ukufa, bacela ku‐Pilati ukuba makabulawe. Naxeshekweni babefezile zonke izinto eziba̔liweyo ngaye, bamtula emtini, bambeka encw̔abeni. Kodwa UTIXO wamvusa ekufeni; owabonakala ngemihla emininzi kwabo babenyukile naye e‐Galili nkuza e‐Yerusaleme, abangamanqi̔na ake ebantwini. Natitina siyanishumayeza isibambiso esenzelwa obawo betu, okokuba esi UTIXO usizalisekisile kuti lusapo lwabo, emvusile nje u‐Yesu; njengokuba kanjalo kuba̔liwe eculweni lesibini ukuti: Ungunyana wam wena, ndikuzele namhla nje. Nokokuba wamvusa ekufeni, angabi saya kubuyela ekuboleni, utshilo ukuti: Ndiya kunipa izibele zika‐Davide eziqinisekileyo. Utingoko nakwelinye iculo: Akuyi kuyekelela oyingcwele yako abone ukubola. Ngokuba ke u‐Davide, akuba ebekonzile isizukulwana sake ngemvume KATIXO, walala ubutongo, wabekelwa koyise bake, wabona ukubola: kodwa lowo UTIXO wamvusayo, akabona kubola. Makwazeke kuni ngoko, madoda, bazalwana! ukuba ngaye lo kuyashunyayelwa kuni ukuxolelwa kwezono: nokuba ngaye lo osukuba ekolwa uyakululwa kuzo zonke izinto, enibe nikohliwe kukukululwa kuzo ngomteto ka‐Mosesi. Lumkani ngoko, kuze kunganihleli oko kutetiweyo ebaprofiteni ukuti: Kangelani, nina badeli! niti nqa, niti shwaqe; ngokuba umsebenzi ndiwusebenza emihleni yenu, umsebenzi eningasayi kukolwa nguwo, nakuba umntu ewushumayela kuni. Kekaloku akuba ama‐Juda ebepuma endlwini yentlanganiso, babebongoza abaheyideni ukuba lamazwi atetwe kubo ngesabata yasemva. Kwati kwakuba kundulukile intlanganiso, abaninzi bama‐Juda nababangene ebujudeni ababedeshayo balandela u‐Paulusi no‐Banabasi; abati beteta kubo, babacenga ukuba bamane ukuma elufefeni LUKATIXO. Kekaloku ngesabata elandelayo, saza kuba sonke isixeko sihlanganisene ukuva ilizwi LIKATIXO. Kodwa ama‐Juda akuzibona izihlwele, azaliswa luzondo, apika ezonto zibe zitetwa ngu‐Paulusi, epika, egxeka nokugxeka. Baza bakalipa u‐Paulusi no‐Banabasi, bati: Bekufanelekile ukuba ilizwi LIKATIXO litetwe kuni ukuqala: kodwa ekubeni nililahlayo, nizigweba nje ukuba anifanele ubomi obungunapakade, bona ke, siyajikela kubaheyideni: ngokuba INKOSI isiyalele ngokunjalo, isiti: Ndikubekele ukuba lukanyiso lwabaheyideni, ukuze ube ngowosindiso kude kube sekupeleni kwomhlaba. Bati abaheyideni besiva ezizinto bavuya, badumisa ilizwi LENKOSI: baza bakolwa bonke ababe bemiselwe ubomi obungunapakade. Laye ilizwi LENKOSI libe lihanjiswa kulo lonke elozwe. Kodwa ama‐Juda atelekisa amankazana abedeshayo nadumileyo namadoda amakulu asesixekweni, avusa intshutshiso ngaku‐Paulusi no‐Banabasi, abagxota emideni yawo. Koko bavutululayo utuli lwenyawo zabo ngakuwo, beza e‐Koniyume. Baye abadisipile bezaliswa luvuyo na NGUMOYA OYINGCWELE.