Eyesibini incwadi ka‐Paulusi ku‐Timote 3:10-17

Eyesibini incwadi ka‐Paulusi ku‐Timote 3:10-17 XHO1902A

Kodwa wena ute nama ukulanda eyam imfundiso, impato, imvume, ukolo, ukuzeka kade, utando, umonde, intshutshiso, intlungu; — intlungu ezinjengezo zandihlelayo e‐Antiyoki, e‐Koniyume, e‐Lisitira; intshutshiso ezinjengezo ndazinyamezelayo; kanti INKOSI yandihlangula kuzo zonke. Ewe, bonke abatanda ukuhlala ngobubedesho ku‐Kristu Yesu baya kutshutshiswa nabo. Kodwa abantu abakohlakeleyo nabanyangi baya kuhambisela kokubi ngakumbi, bekohlisa bekohliswa nokukohliswa. Wena kodwa hlala kwezonto uzifundileyo noziqiniselweyo, usazi nje lowo wazifunda kuye; nokokuba uti kutabata ebuntwaneni bako uzazile iziba̔lo ezingcwele, ezinamandla ukukwenza ulumkele usindiswa ngalo ukolo olukuye u‐Kristu Yesu. Zonke iziba̔lo zinikwa ngokupefumlela KUKATIXO, zinceda kanjalo ukuba kufundiswe, ukuba kohlwaywe, ukuba kulungiswe, ukuba kululekwe ebulungiseni; ukuze indoda KATIXO ibe ifezekile, ilungiselelwe yonke imisebenzi elungileyo ngokuzalisekileyo.