Vuya ngenene, ntombindini inguZiyon! Danduluka, wena ntombi inguJerusalem! Khangela, ukumkani wakho uza kuwe enobulungisa, engumoyisi, ethobekile, ekhwele idonki, nditsho ithole, inkonyane yedonki. Ndiya kuzohlutha iinqwelo zokulwa kwaEfrayim, namahashe emfazwe eJerusalem, ke lona utolo lwemfazwe ndiluvikive. Ukumkani wovakalis' uxolo ezizweni, ulawulo lwakhe loziqhakamishel' iilwandle; luya kusuka kumlambo iEfrati, luye kuthi xhaxhe ngeziphelo zehlabathi. Ke nina okunokwenu ngenxa yegazi lomnqophiso ndobakhulula abantu bakowenu abangamabanjwa, baphume emhadini ongenamanzi.
Funda UZAKARIYA 9
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: UZAKARIYA 9:9-11
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo