Mfo wam, wathathele ingqalelo amazwi am, ungaze uyishiye imiyalelo yam. Ewe, bubazele iindlebe ubulumko, nentliziyo yakho uyilahlele ekwazini. Kubizele kuwe ukuqiqa, uliphakamisele ilizwi lakho ekuqondeni. Ubulumko buzingele njengesiliva, ubufune njengobutyebi obombelweyo. Ukuba uyenzile loo nto uya kukuqonda into okuyiyo ukuthobela *uNdikhoyo, utsho ufikelele ekumazini uThixo.
Funda IZAFOBE 2
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: IZAFOBE 2:1-5
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo