Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UMARKO 9:14-50

UMARKO 9:14-50 XHO96

Bakufika kubafundi, babona isihlwele sibangqongile, nabachazi-mthetho bebaxoxisa. Sakumbona isihlwele, savuyiseka kakhulu sonke, sasuka kwangoko saya kuye sibaleka, sambulisa. Wababuza ke esithi: “Nixoxisana ngantoni na?” Waphendula omnye esihlweleni apho wathi: “Mfundisi, bendizise unyana wam kuwe, kuba unendimoni emenza angathethi. Ithi le ndimoni yakumqubula axhuzule, alephuze amagwebu, atshixize namazinyo, asuke ome. Ndithethe nabafundi bakho ukuba bayikhuphe, kodwa bakhohlwa.” UYesu waphendula wathi kubo: “Sizukulwanandini esingakholwayo, koda kube nini na ndinani? Koda kube nini na ndininyamezela? Mziseni kum!” Bamsa ke. Loo ndimoni, yakumbona uYesu, yesuka kwangoko yamhlasela watsho waxhuzula unyana lowo, wawa emhlabeni, wamana eqika-qikeka, elephuza amagwebu. UYesu ke wabuza kuyise ukuba únaxesha lingakanani na ehliwe yile nto. Wathi yena: “Kwasebuntwaneni bakhe. Le ndimoni imphose kaninzi emlilweni, kwanasemanzini, ukuba imtshabalalise. Ke ukuba unako ukwenza into, sincede uvelane nathi.” Wathi kuye uYesu: “Oo, uthi: ‘Ukuba ndinako;’ – zonke izinto zinokwenzeka kokholwayo.” Kwangoko ke wakhala uyise womntwana lowo, wathi: “Ndiyakholwa! Ndincede apho ukholo lwam lungenakufikelela khona!” UYesu ke, ebona isihlwele sibuthelana ngakumbi, wayikhalimela indimoni, esithi kuyo: “Ndimonindini engathethiyo, esisithulu, ndithi kuwe, phuma kuye, ungaze uphinde ungene!” Yakhala indimoni, yambetha watsho waxhuzula kunene umntwana, yaphuma. Umntwana lowo ke waba njengofileyo, bada abaninzi bathi: “Ufile.” UYesu ke wambamba ngesandla, wamvusa, wesuka wema. UYesu eye kungena endlwini, abafundi bakhe bambuza ngasese besithi: “Bekutheni ukuba singabi nako ukuyikhupha le ndimoni thina?” Wathi kubo: “Olu lona uhlobo alunako ukuphuma kungengako ukuthandaza.” Bemkile apho, bahamba becanda kwelaseGalili. UYesu wayengafuni ukuba aziwe apho akhona, kuba wayebaxelela abafundi bakhe, esithi kubo: “UNyana woLuntu wonikelwa ezandleni zabantu abaya kumbulala. Wothi ke ebulewe njalo, abuye avuke ngomhla wesithathu.” Bona babengayiqondi into ayithethayo, besoyika nokumbuza ngayo. Bafika ke eKapernahum, waza uYesu akuba sendlwini, wababuza abafundi bakhe esithi: “Benibuzana ngantoni endleleni?” Bahlala bathi tu, kuba endleleni babephikisana ngokuthi ngubani na omkhulu kunabanye. UYesu wahlala phantsi, wababiza abafundi abalishumi elinambini, wathi kubo: “Ukuba ubani ufuna ukuba ngoyena mkhulu, makazenze oyena mncinci kubo bonke, abe sisicaka sabo bonke.” Wathatha umntwana, wammisa phakathi kwabo, wamsingatha, wathi kubo: “Othe egameni lam wamkela noko amnye wabantwana abanje, wamkela mna; nothe wamkela mna, akamkeli mna nje, wamkela lowo wandithumayo.” UYohane wathi kuYesu: “Mfundisi, sibone umntu okhupha iindimoni egameni lakho, saza samnqanda ke, kuba engenguye oweqela labafundi bakho.” Wathi uYesu: “Hayi, ngeningamnqandanga, kuba akukho namnye unokuthi enze ummangaliso egameni lam, aze andigxeke. Ongachasaniyo nathi ungakuthi. Inene, othe wanipha nekomityi le yamanzi ngenxa yam, ngokuba ningabakaKrestu, wowamkela ngokuqinisekileyo umvuzo wakhe.” “Othe wakhubekisa nokuba mnye wabancinane abakholwayo, ngekumlungele kanye ukuba ebegangxwe ilitye lokusila entanyeni, waphoswa elwandle. Ukuba ke isandla sakho sithe sakukhubekisa sinqumle. Kulunge kanye ukuba ungene ebomini usisilima, kunokuba uthi, unezandla zozibini, umke uye esihogweni, emlilweni ongacimiyo, [ apho ‘kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacimiyo.’] Nokuba unyawo lwakho luthe lwakukhubekisa, lunqumle. Kulunge kanye ukuba ungene ebomini usisiqhwala, kunokuba uthi uneenyawo zombini, uphoswe esihogweni, [emlilweni ongacimiyo, apho ‘kumpethu, ingafiyo, kumlilo ungacimiyo.’] Nokuba ke iliso lakho lithe lakukhubekisa, likhuphe. Kulunge kanye ukuxhamla ukulawulwa nguThixo unaliso linye, kunokuba uthi, unamehlo omabini, uphoswe esihogweni, apho ‘kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacimiyo.’ “Umntu ngamnye uya kugalelwa umlilo ngokungathi yityiwa. Ityiwa ilungile, kodwa ukuba ithe ayaba nasongo noyithini na ukuyibuyisela isongo sayo? Yibani nesongo setyiwa phakathi kwenu, nihlale ninoxolo omnye nomnye.”