Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

ULUKA 6:12-16

ULUKA 6:12-16 XHO96

Kwathi ngaloo mihla uYesu waphuma, wasinga entabeni, esiya kuthandaza. Wachitha ubusuku bonke ezibika kuThixo. Kwakusa wababizela kuye abafundi bakhe, wanyula kubo balishumi elinambini, awababiza ngelokuba ngabathunywa. Yayingâba: USimon, awamthiya ngelokuba nguPetros, noAndreya umntakwabo; uYakobi noYohane; uFilipu noBhartolomeyu; uMatewu noTomas; uYakobi, lo ka-Alifeyu, noSimon ekuthiwa liTsha-ntliziyo; uJudas kaYakobi, noJudas Sikariyoti, owaba ngumngcatshi.