Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

ULUKA 10:38-42

ULUKA 10:38-42 XHO96

Kolo hambo lwabo uYesu ungene dolophaneni ithile, waza wamkelwa endlwini ngumfazi othile ogama linguMarta. UMarta wayenodade wabo ogama linguMariya, owathi yena wahlala ngasezinyaweni zeNkosi, ephulaphula amazwi ayo. Ke yena uMarta wayexakeke kakhulu ngamalungiselelo; waya kuYesu, wathi: “Nkosi, akukhathali na kukuba umsakwethu andiyekele ndilungiselele ndendwa? Yitsho kuye andincedise.” Waphendula ke uYesu, wathi kuye: “Wena Marta, uzikhathaza ngezinto ezininzi, kanti inye kuphela eyimfuneko. UMariya unyule loo nto ilungileyo, kwaye ayiyi kuhluthwa kuye.”