Inyoka yayisesona sidalwa sinobuqhetseba kunazo zonke izidalwa *zikaNdikhoyo uThixo. Yambuza umfazi inyoka yathi: “Ngaba kuyinyani na ukuba uThixo uniyalele ukuba ningatyi kuyo yonke imithi ekulo myezo?” “Hayi, singatya nakuwuphi na umthi osemyezweni,” utshilo umfazi ukuphendula. “Ngumthi ophaya esidikidikini somyezo qha esingenakutya kuwo. UThixo uthe maze singazityi iziqhamo zawo, singaziphathi nokuziphatha oku, ukuba asifuni kufa.” Ithe ukuphendula inyoka: “Hayi, anisoze nife. Nto nje uyazi uThixo ukuba xa nizityileyo iziqhamo zawo novuleka amehlo, nibe njengaye, nikwazi ukucalula okuhle kokubi.” Watsho waqonda umfazi ukuba singamnandi eso siqhamo: siyanqweneleka, yaye sifanele ukunika ulwazi. Wakha, watya; wanika nomyeni wakhe owayekho, naye watya. Bathi bakugqiba ukutya kwatsho kwee dlwe, avuleka amehlo, baziqonda ukuba bahamba ze. Bathunga amagqabi omkhiwane, bazambhathisa. Emva koko beva isandi sokuhamba kukaThixo uNdikhoyo emyezweni ukujika kwelanga. Bazimela ematyholweni emyezweni apho. UNdikhoyo uThixo wayibiza indoda, wathi: “Ùphi?” Yaphendula yathi: “Ndive isandi sokuza kwakho, ndaza ndoyika ndazimela, kuba ndihamba ze.” Uthe uThixo: “Ùve ngabani ukuba uhamba ze? Utyile kulaa mthi bendithe uze ungatyi kuwo?” Ithe indoda ukuphendula: “Ngulo mfazi ùndinike yena lo úndiphileyo, nam ke ndatya.” UNdikhoyo uThixo wambuza umfazi esithi: “Ùyenzele ntoni into enje?” Uphendule umfazi wathi: “Ndikhohliswe yinyoka, nam ke ndatya.” *UNdikhoyo uThixo uthe kuyo inyoka: “Ngenxa yesi senzo uqalekisiwe wena kuzo zonke izilo. Ukususela ngoku uya kurhubuluza ngesisu, utye uthuli bonke ubomi bakho. Ndiza kudala ubutshaba phakathi kwakho nomfazi. Inzala yakho neyakhe ziya kuhlala zithiyene. Yona yokucumza intloko; wena woyiluma isithende.”
Funda EYEZIQALO 3
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: EYEZIQALO 3:1-15
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo