URUTE 3
3
URute uzibika kuBhohazi
1Wathi uNahomi uninazala kuye, Ntombi yam, ndingàkufuneli na ukuphumla okokulungela? 2Kaloku àkasihlobo sethu na uBhohazi, lowo umthinjana ubunawo? Nanko esela irhasi ngobu busuku esandéni. 3Zihlambe, uthambise, unxibe iingubo zakho, uhle uye esandéni. Uze ungazazisi endodeni leyo, ide igqibe ukudla nokusela. 4Wóthi, ukulala kwayo phantsi, uqonde indawo eye kulala kuyo, uye uyityhile ingubo ngasezinyaweni zayo, ulale phantsi; yókuxelela ke yona into owoyenza. 5Wathi kuye, Yonke into oyithethayo ndoyenza.
6Wehla ke waya esandéni, wenza ngako konke abemwisele umthetho ngako uninazala. 7Wadla uBhohazi, wasela, yachwayitha intliziyo yakhe; waya walala phantsi ekupheleni kwentlaba. Waya ke ecotha, wamtyhila ingubo ngasezinyaweni zakhe, walala phantsi.
8Kwathi phakathi kobusuku, yothuka indoda leyo, yaguquka, yabona kulele inkazana ngasezinyaweni zayo. 9Yathi, Ùngubani? Wathi, NdinguRute, umkhonzazana wakho; twabulula isondo lengubo yakho phezu komkhonzazana wakho, ngokuba ungumkhululi wena. 10Yathi, Ùsikelelwe nguYehova, ntombi yam. Inceba yakho yamva nje ingaphezu kweyokuqala, ungalandelanga madodana nje, nokuba ngasweleyo nokuba nganobutyebi. 11Kaloku ke, ntombi yam, musa ukoyika; konke okuthethileyo ndokwenzela; ngokuba bonke abantu bomzi wakowethu bayazi ukuba uyinkazana enesidima. Ewe! 12Kuyinene, ndingumkhululi inyaniso. Ke kukho umkhululi osondeleyo kuwe kunam. 13Lala ngobu busuku; kothi kusasa, ukuba úthe wakukhulula ngentlawulelo, kulunge, makakukhulule ngentlawulelo; ke ukuba akathanga akunanze ukukukhulula ngentlawulelo, ndokukhulula ngentlawulelo mna, ehleli nje uYehova. Lala kude kuse.
14Walala ke ngasezinyaweni zakhe kwada kwasa; wavuka bengekanakanani abantu. Yathi, Makungàziwa ukuba bekuze inkazana esandéni. 15Yathi, Ethe ingubo yakho yokwaleka, ukhongozele. Wakhongozela ke ngayo. Yalinganisa izilinganiso zerhasi ezithandathu, yamthwalisa; wagoduka.
16Waya kuninazala, wathi yena, Ùtheni, ntombi yam? Wamxelela konke emenzele khona indoda leyo. 17Wathi, Indiniké ezi zilinganiso zerhasi; ngokuba yayisithi, Musa ukuya kunyokozala ulambatha. 18Wathi, Hlala, ntombi yam, ude wazi okuya kuhla; kuba indoda leyo ayiyi kuphumla, ingakuphelisanga oku namhla.
Currently Selected:
URUTE 3: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.